Eyesibini yokumkani 13
13
1NGOMNYAKA wamashumi mabini anesitatu ka‐Yohashe unyana ka‐Ahaziya ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Yehowahazi unyana ka‐Jehu pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesixe̔nxe. 2Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, walandela izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone; akapambuka kuzo. 3Ngako yavuta ingqumbo kayehova ngakubo o‐Sirayeli; waza wabanikela esandleni sika‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya, nasesandleni sika‐Bene‐hadadi unyana ka‐Hazayeli, yonke imihla leyo. 4Wada u‐Yehowahazi wabongoza ubuso bukayehova; wati uyehova wapulapula kuye: ngokuba ebebona ukubandezelwa kwo‐Sirayeli, ukuba ukumkani we‐Siriya wababandezela. 5(Wayenika uyehova ko‐Sirayeli umsindisi, bada bapuma pantsi kwesandla sama‐Siriya; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwahlala ezintenteni zalo, njengapambili. 6Noko belungapambuki kuzo izono zendlu ka‐Jerobome, owenzayo o‐Sirayeli bone; beluhamba kuzo: kanjalo u‐Ashera ebesemi e‐Samariya.) 7Ngokuba ebengabasalisanga ku‐Yehowahazi abantu, kupela amashumi mahlanu abakweli bamahashe, neshumi lenqwelwana, neshumi lamawaka abahamba ngenyawo: ngokuba ukumkani we‐Siriya ebebatshabalalisile, wabenza njengotuli ngokubula.
8Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Yehowahazi, nako konke abekwenza, namandla ake, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli? 9Wada u‐Yehowahazi walala noyise bake, wancw̔atywa e‐Samariya: waza u‐Yohashe unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
10Ngomnyaka wamashumi matatu anesixe̔nxe ka‐Yohashe ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Yehohashe unyana ka‐Yehowahazi pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesitandatu. 11Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; akapambuka kuzo zonke izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone; wahamba kuzo.
12Nesisalela semicimbi ka‐Yohashe, nako konke abekwenza, namandla ake owabesilwa ngawo ngakuye u‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli? 13Wada walala u‐Yohashe noyise bake; waza u‐Jerobome wahlala pezu kweterone yake: waye u‐Yohashe ebencw̔atywa e‐Samariya ndawonye nokumkani bo‐Sirayeli.
14Kekaloku u‐Elisha wabesifa sisifo sake owabuba ngaso. Wandula u‐Yohashe ukumkani wo‐Sirayeli wehlela kuye, walila pezu kwobuso bake, wati: Bawo wam, bawo wam! inqwelo yo‐Sirayeli, nabakweli babo! 15Wayesiti u‐Elisha kuye: Tabata isipeta nentolo. Waza watabatela kuye isipeta nentolo. 16Walekela wati kukumkani wo‐Sirayeli: Beka isandla sako pezu kwaso isipeta. Wabeka ke isandla sake: wati u‐Elisha wabeka izandla zake pezu kwezandla zokumkani. 17Wayesiti: Vula ifenstile ngasempumalanga. Wavula ke. Waza u‐Elisha wati: Tola. Watola ke. Wayesiti: Utolo lwosindiso lukayehova, notolo lwosindiso ngakuwo ama‐Siriya; ngokuba uya kubeta ama‐Siriya e‐Afeki, ude uwagqibele. 18Wabuya wati: Zitabate intolo. Watabata ke. Waza wati kukumkani wo‐Sirayeli: Beta ngasemhlabeni. Wabeta ke amaxesha amatatu, wand’ ukuti nqumama. 19Yaza indoda katixo yamqumbela kunene, yati: Unga ubetile amaxesha amahlanu umhlaumbi amatandatu; oko ubuya kubeta ama‐Siriya wada wawagqibela; kanti kaloku, uya kuwabeta amaxesha matatu kupela.
20Wada wafa u‐Elisha, wancw̔atywa. Aza amabandla ama‐Mowabi afika elizweni ekutwaseni kwomnyaka. 21Kwaye kute, nxa babencw̔aba indoda, bona ke, babona ibandla; baza bayiposa indoda leyo encw̔abeni lika‐Elisha; yati yakungena yacukumisa amatambo ka‐Elisha, yabuya yapila, yapakama pezu kwenyawo zayo.
22Kekaloku u‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya wabandezela o‐Sirayeli yonke imihla ka‐Yehowahazi. 23Kodwa uyehova wabenofefe ngakubo, wabapata ngenceba, wababuka, ngenxa yocebano lwake no‐Abrahame, no‐Yisake, no‐Yakobi; engavumanga ukubatshabalalisa, engabagxotanga ebusweni bake kanjalo, kwada kwakaloku. 24Wada wafa u‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya; wati u‐Bene‐hadadi unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake. 25Waza u‐Yehohashe unyana ka‐Yehowahazi, wabuya wazibamba esandleni sika‐Bene‐hadadi unyana ka‐Hazayeli izixeko ezo wabezibambile yena esandleni sika‐Yehowahazi uyise ngokulwa: ngamaxesha matatu u‐Yohashe wambetayo, wabuyisa izixeko zakwa‐Sirayeli.
Currently Selected:
Eyesibini yokumkani 13: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.