Eyesibini yokumkani 11
11
1KEKALOKU u‐Hataliya, unina ka‐Ahaziya, akubona ukuba unyana wake ufile, wandula wesuka wabubisa yonke inzalo yobukumkani. 2Kodwa u‐Yehosheba, intombi yokumkani u‐Yorame, udade ka‐Ahaziya, wamtabata u‐Yohashe unyana ka‐Ahaziya, wamba̔ pakati kwonyana bokumkani ababebulewe, wambeka yena nomanyisikazi wake enkambilini yemandlalo: kwa njalo bamfihla ku‐Hataliya, ukuba wabengabulawa. 3Wayeko naye endlwini kayehova ezimele kona iminyaka yamitandatu. Waza u‐Hataliya wapata ubukumkani pezu kwelizwe.
4Kodwa ngomnyaka wesixe̔nxe watuma u‐Yoyada, watabata inkosi zamakulu, ezamadindili nezomlisela, wazingenisa kuye endlwini kayehova, walwenza ucebano nazo, wazifungisa endlwini kayehova, wazibonisa unyana wokumkani. 5Waza waziyalela ngokuti: Nantsi indawo eniya kuyenza: esinye isiqingata sesitatu kuni eningenayo ngesabata, bona boba ngabagcini bokugcinwa kwendlu yokumkani; 6nesinye isiqingata sesitatu, boba sesangweni le‐Sure; nesinye isiqingata sesitatu, boba sesangweni emva kwomlisela: kwa njalo niya kugcina ukugcinwa kwendlu, kuze kukweleliswe. 7Kanjako izahlulo zibini pakati kwenu nonke enipumayo ngesabata, bona baya kugcina ukugcinwa kwendlu kayehova ngakuye ukumkani. 8Naniya kujikelezela ukumkani ngokungqonga, abanye ngabanye benezixo̔bo zabo ezandleni zabo; nalowo ungenayo pakati kwamahlukahluka, makafiswe: nize nibeko nokumkani ekupumeni kwake nasekungeneni kwake.
9Zaye zisenza inkosi zamakulu njengako konke abeyalele ngako u‐Yoyada umperisite, zatabata ezinye ngezinye amadoda azo, lawo abeya kungena ngesabata, kunye nalawo abeya kupuma ngesabata, zeza ku‐Yoyada umperisite. 10Waza umperisite wanika kuzo inkosi zamakulu izikali namakaka, ezo ezibe zizezokumkani u‐Davide, ezibe zisendlwini kayehova. 11Ati amadoda omlisela ema amanye ngamanye enezixo̔bo zawo ezandleni zawo, kwa kulo elokunene icala lendlu kwada kwakulo elokohlo icala lendlu, ngasesibingelweni nangasendlwini, kufupi nokumkani ngokungqonga. 12Wandula wamkupa unyana wokumkani, wayibeka ikrone pezu kwentloko yake, wamnika nesinqi̔no; baza bamenza ukumkani, bamtambisa; kanjalo babambata izandla, bati: Makapile ukumkani!
13Wati akuva u‐Hataliya intlokoma yomlisela neyabantu, wasuka weza ebantwini endlwini kayehova. 14Waza wakangela, kekaloku nankuya ukumkani emi pezu kwendawo epezulu, njengokuba isiko belinjalo, nenkosi nabanamaxilongo ngakuye ukumkani; bati bonke abantu belizwe bavuya, bavutela ngamaxilongo. Wandula u‐Hataliya waṙazula izivato zake, wabiza ngokuti: Yingcebiswano, yingcebiswano! 15Koko u‐Yoyada umperisite wayalelayo inkosi zamakulu, abongama bempi, wati kuzo: Mkupeleni pandle kwamahlukahluka; nalowo umlandelayo nimfise ngeṙele. Ngokuba ebete umperisite: Makangafiswa endlwini kayehova. 16Kwaza kwamkwelelwa amacala omabini; waya ngendlela yokungena kwamahashe ukuza endlwini yokumkani; wafiswa apo ke.
17Wandula u‐Yoyada walwenza ucebano pakati kwoyehova nokumkani nabantu, ukuba babe ngabantu bakayehova; napakati kwokumkani nabantu. 18Baza bangena bonke abantu belizwe endlwini ka‐Bali, bayicita: izibingelo zake nemifanekiso yake bakolisa ukuziqekeza, no‐Matane umperisite ka‐Bali bambulala pambi kwezibingelo. Wati umperisite kanjalo wamisa abalindi endlwini kayehova. 19Wandula watabata inkosi zamakulu, namadindili, nomlisela, nabo bonke abantu belizwe, abehlayo nokumkani kuyo indlu kayehova, beza ngendlela yesango lomlisela endlwini yokumkani. Waza wahlala pezu kweterone yabo okumkani. 20Baye bevuya bonke abantu belizwe, sati isixeko sanokwonwaba; no‐Hataliya bebemfisile ngeṙele ngasendlwini yokumkani.
Currently Selected:
Eyesibini yokumkani 11: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.