Eyokuqala ka‐Samyali 20

20
1WANDULA u‐Davide wesaba e‐Nayote ngase‐Rama, weza wati ebusweni buka‐Jonatane: Iyinto nina endiyenzileyo? liyinina ityala lam? siyinina nesono sam ebusweni boyihlo, ukuba uyafuna ubomi bam? 2Wayesiti kuye: Makube lé oko! akuyi kufa. Bona ke, ubawo akenzi into enkulu umhlaumbi into encinane, angayityiliyo endlebeni yam; kunganina ke ukuba ubawo andifihlele lento? akunjalo. 3Walekela wafunga u‐Davide, wati: Uyihlo uyazi ngenyaniso ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako; ngako ute: Makangazi oku u‐Jonatane, hleze adandateke; kodwa noko, njengokuba uyehova ehleli, nanjengokuba umpefumlo wako uhleli, kuko inyatela linye kupela pakati kwam nokufa! 4Wandula u‐Jonatane wati ku‐Davide: Into uyitetayo umpefumlo wako, ndiya kukwenzela yona.
5Waza u‐Davide wati ku‐Jonatane: Bona ke, inyanga iya kutwasa ngomso, nxa ndifanele ukuhlala nokumkani ngasekudleni; kodwa ndindulule, ukuba ndizifihle ezindle, kude kuhlwe ngomhla wesitatu. 6Ukuba uyihlo uka abone ukungabiko kwam, yandula uti: Wazingisa u‐Davide ukucela kum, ukuba agidimele e‐Beteleheme, isixeko sakowabo; ngokuba kuko apo umbingo womnyaka ngomnyaka, owenzelwa isizalwane sonke. 7Ukuba utsho ukuti: Kulungile; sesiya kuba noxolo isicaka sako: kodwa ukuba unokuqumba kakulu, yazi ke ukuba ububi bugqityiwe nguye. 8Ngako yenza ngobubele kwisicaka sako; ngokuba ungenisile isicaka sako elucebanweni lukayehova kunye nawe: noko, ukuba kuko ityala kum, ndifise ngokwako, ngokuba kunganina ukuba undizise kuyihlo?
9Waza u‐Jonatane wati: Makube lé kuwe, okokuba, nxa bendisazi ngenyaniso ukuba ububi bugqityiwe ngubawo buze pezu kwako, bendingayi kuxela bona kuwe. 10Waza u‐Davide wati ku‐Jonatane: Ngubanina oya kundixelela, ukuba uyihlo uka akupendule into ngobulukuni? 11Wandula u‐Jonatane wati ku‐Davide: Hamba, sipume siye ezindle. Bapuma baya ezindle bobabini. 12Waza u‐Jonatane wati ku‐Davide: Yehova, Tixo wo‐Sirayeli! nxa ndimṙoṙonya ubawo ngelixesha ngomso, umhlaumbi ngomso mnye, kuze kuti, bona ke, kulungele u‐Davide, ndize ndinganduli nditume kuwe, ndityile endlebeni yako, 13makenje njalo uyehova ku‐Jonatane, alekele ukwenje njalo! kodwa ukuba kuyakolisa ubawo ukuzisa ububi pezu kwako, ndiya kwandula ndiyityile endlebeni yako, ndikundulule, ukuba uhambe ngoxolo: wanga uyehova angako nawe, njengokuba ebeko nobawo. 14Kanjalo akuyi kundenzela ububele bukayehova nxa ndisahleli kupela, ukuze ndingafi; 15kodwa akuyi kunqamla ububele bako kuyo indlu yam kude kube ngunapakade; hai, nanxa uyehova anqamlile intshaba zika‐Davide zonke ebusweni bomhlaba. 16Waza u‐Jonatane wenza ucebano nendlu ka‐Davide, esiti: Makabize uyehova esandleni sentshaba zika‐Davide! 17Walekela u‐Jonatane ukumfungisa u‐Davide, ngenxa yokumtanda kwake; ngokuba ebemtanda ngokutanda kwompefumlo wake.
18Wandula u‐Jonatane wati ku‐Davide: Ngomso inyanga iya kutwasa; kwakuya kubonwa ukuba akuko, ngokuba isihlalo sako soba zé. 19Ngako ngomhla wesitatu uya kuhla kamsinyane, uye kulondawo apo wazifihla kona ngomhla walomsebenzi, uhlale ngaselityeni le‐Ezele. 20Nam, ndiya kutola intolo ezintatu ngasecaleni, njengokungati ndibe nditola emlinganisweni. 21Kekaloku bona ke, ndiya kutuma umfana, ndisiti: Hamba, uzifune intolo. Ukuba nditi ekuhleni kumfana: Nanzi intolo zinganeno kwako, zitabate; wandule uze, ngokuba kuko uxolo kuwe, kungeko nto, njengokuba uyehova ehleli. 22Kodwa ukuba nditsho kwindodana ukuti: Nanziya intolo ngasele kwako; hamba ke, ngokuba uyehova ekundulule. 23Nalonto esibe siteta mna nawe ngayo, bona ke, uyehova makabe pakati kwam nawe kude kube ngunapakade.
24Waya u‐Davide wazifihla ezindle: kwati kwakutwasa inyanga, wandula ukumkani wahlala ngasekudleni ukuba atye. 25Wati ukumkani wahlala esihlalweni sake, njengakuwo amanye amaxesha, esihlalweni saseludongeni; wesuka ke u‐Jonatane, waza u‐Abenere wahlala ngasecaleni lika‐Saule, kodwa indawo ka‐Davide ibifunyanwa zé. 26Kekaloku u‐Saule akateta nanye into ngomhla lowo; ngokuba ebesiti: Uhlelwe yinto; akacocekile, ngenyaniso akacocekile. 27Kwaye kute ngomnye umhla, ngowesibini wenyanga etwasileyo, kwakufunyanwa zé indawo ka‐Davide, wandula wati u‐Saule ku‐Jonatane unyana wake: Kunganina ukuba unyana ka‐Jese akezanga ekudleni nezolo nanamhla? 28Waza u‐Jonatane wampendula u‐Saule, wati: Wazingisa u‐Davide ukucela kum ukuba aye e‐Beteleheme; 29wayesiti: Ndindulule ke, ngokuba isizalwane setu sinombingo esixekweni; kanjalo umkuluwe wam undiyalele ngokwake: ngako kaloku, ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako, makendisuke ke, ndiye kubona abakuluwe bam. Kukona ke angezanga etafileni yokumkani.
30Yandula yavuta ingqumbo ka‐Saule ngakuye u‐Jonatane, wati kuye: Wena nyana womfazi ogwenxa ongevayo! andazi na ukuba umnyulile unyana ka‐Jese libe lihlazo lako, nehlazo lobuzé bonyoko? 31ngokuba yonke imihla unyana ka‐Jese aya kudla ubomi ngayo emhlabeni, ungayi kuqiniswa wena, nobukumkani bako: ngako kaloku, tuma ke, umtabate eze kum, ngokuba emelwe kukufa yena. 32Wandula u‐Jonatane wampendula u‐Saule uyise, wati kuye: Kunganina ukuba afiswe? yinto nina ayenzileyo? 33Wasuka u‐Saule wambinza ngentshuntshe, ukuba ambete: ngako u‐Jonatane wazi ukuba bekugqityiwe nguyise ukumbulala u‐Davide. 34Waza u‐Jonatane wesuka etafileni ngobushushu bengqumbo; waye engadli isonka ngomhla wesibini wenyanga etwasileyo, ngokuba ebedandateka ngaye u‐Davide, ngokuba uyise ebemhlazisile.
35Kwaye kute kwakusa, wapuma u‐Jonatane waya endle endaweni yokuhlangana no‐Davide, umfana omncinane enaye. 36Waza wati kumfana wake: Baleka, uzifune ke intolo endizitolayo. Nxa umfana abebaleka, watola utolo ukuba alugqitise kuye. 37Akufika umfana endaweni yotolo abelutolile u‐Jonatane, wandula u‐Jonatane wabiza emva kwomfana, wati: Utolo alungasele kwako na? 38Wabuya u‐Jonatane wabiza emva kwomfana, esiti: Nxama, kauleza, ungemi. Waza umfana ka‐Jonatane wabuta intolo, weza enkosini yake. 39Kodwa umfana ebengazi nto: ngu‐Jonatane no‐Davide abebesazi londawo kupela. 40Waza u‐Jonatane wanika izixo̔bo zake kumfana obenaye, wati kuye: Hamba, uzise esixekweni.
41Nxa umfana abemkile, wesuka u‐Davide ecaleni lesuyide, wawa ngobuso bake ngasemhlabeni, wazitoba katatu: baza bangana, balilana omnye nomnye, ade u‐Davide enze kakulu. 42Wayesiti u‐Jonatane ku‐Davide: Hamba ngoxolo: ngokokuba sifungile sobabini egameni likayehova, sisiti: Uyehova makabe pakati kwam nawe, napakati kwenzalo yam nenzalo yako, kude kube ngunapakade! Waselesuka wemka; wati u‐Jonatane wangena esixekweni.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena