KEKALOKU ngazo izipiwo ezibumoya, bazalwana! anditandi ukuba nibe ningenakwazi. Niyazi ukuba nibe ningabaheyideni nir̔olelwa ezitixweni ezingenakuteta, njengokuba kusukuba nibe nikokelwa. Ngako oko ndiyanazisa, ukuba akuko mntu eteta NGOMOYA KATIXO oti u‐Yesu uyinto eqalekisiweyo: kanjalo akuko mntu ongatshoyo ukuti u‐Yesu u YINKOSI, kupela NGOMOYA OYINGCWELE. Kuko izipiwo ngezipiwo, kodwa UMOYA okwa mnye. Kuko nezikonzo ngezikonzo, NENKOSI ekwa nye. Kuko namasebenzi ngamasebenzi, kodwa NGUTIXO okwa mnye okwenzayo konke kubo bonke. Kodwa kuyanikwa kwabanye ngabanye ukubonakaliswa KWOMOYA kube kukuncedwa. Ngokuba kunikwa komnye ngaye UMOYA ilizwi lobulumko; nakomnye ilizwi lokwazi ngokwalowo UMOYA
Funda Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 12
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 12:1-8
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo