UNCUTHU LWENGOMA 8
8
1Akwaba ubungumnakwethu,
nditsho owancanca kumama.
Bendiya kukuncamisa naphandle phaya,
ndize ndingagxekeki noko.
2Bendiya kukukhokela
ndikuse endlwini kamama,
yena wandifundisayo,
ndikuseze iwayini edidiyelwe ngezinongo
nencindi yeerharnati zam.
3Isandla sakho sasekhohlo besiya kuxhasa intloko yam,
esokunene sona sindiwole.
4Zintombi zaseJerusalem, ndiyanifungisa:
sanukuluxhokonxa ningaluphembeleli uthando;
luyekeni lude luzivukele ngokwalo.
Abatheleli
5Ngubani lo uvela ngasentlango,
uqhogene nesithandwa sakhe?
Umtshakazi
Ndakuvusa phantsi kom-apile,
apho wakhawulwa khona ngunozala wakho,
apho waba nenimba khona owakuzalayo.
6Mayibe ndim kuphela osentliziywemi yakho oku komsesane wokutywina;
ewe, mandibe ngumsesane wokutywina engalweni yakho.
Lent' uthando lunamandla nqwa nokufa;
ikhwele lalo aliqheliseli oku kwengcwaba.
Ludangazela ngathi lidangatye,
luvuthe ngathi ngumlilokazi.
7Alungecinywa nangamanzi;
alukhukuliseki naziimpuphuma.
Xa unokulithenga ngobutyebi bonke bendlu yakho
ungasuka ube sisigculelo.
Abatheleli
8Thina sinodade wethu;
akakantshuli namabele.
Kambe, singamenzela ntoni mhla acelwayo?
9Ukuba ke ebeludonga
ngesimakha abe yinqaba yesiliva.
Nokuba ngaba ebelisango
ngesimkhusela ngemivalo yomsedare.
Umtshakazi
10Ewe, mna ndiludonga;
la mabele ziinqaba.
Yiloo nto emehlweni akhe
ndingulowo umphathela ukwaneliseka.
11USolomon unesidiliya eBhali-hamon;
uqeshise ngaso kubalimi.
Ngeziqhamo zaso bayarhuma:
liwaka leengqekembe zesiliva.
12Esam isidiliya sesam ke!
Iwaka lesiliva lelakho, Solomon.
Amakhulu amabini ngawabaqeshi.
Umyeni
13Wena ohlala emiyezweni,
osoloko engqongwe zizihlobo,
mandilive ilizwi lakho.
Umtshakazi
14Xhabasha, sithandwa sam!
Yiba ngathi ulinxala,
ube ngathi ulitakane lebhadi
kwezo ntaba zeziqholo.
Currently Selected:
UNCUTHU LWENGOMA 8: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.