Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IZAFOBE 1:1-7

IZAFOBE 1:1-7 XHO96

Ezi zizafobe zikaSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli. Ezi zafobe ziluncedo: umntu ziyamqeqesha, zimnike ubulumko, abe nokuziqonda neentetho ukuba ngaba zezengqondo na. Ewe, zimenza aqeqesheke, akwazi ukuziphatha, abe ngumntu owenza okulungileyo, nothe ngqo engenagobe. Ongekabi namava zimenza abe krele-krele, nomfana atsho akwazi ukwenza izigqibo ngobulumko. Isilumko siyeva, sivune ulwazi; kanti nengcaphephe itsho ifumane amacebo aphilileyo, khon' ukuze ikwazi ukuqonda izaci nezafobe, nditsho amazwi ezilumko nokuntsonkotha kwawo. Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo, kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho.