Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEWU 26:1-35

UMATEWU 26:1-35 XHO96

Xa uYesu wayewagqibile onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe: “Niyazi ukuba emva kweentsuku ezimbini iza kuba *yiPasika. Wothi ke *uNyana woLuntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.” Ngelo xesha ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu abantu babehlanganisene emzini kaKayafa, umbingeleli omkhulu. Babebhunga iqhinga lokumbamba uYesu, bambulale. Kodwa babesithi: “Oku makungenziwa ngePasika, hleze kubekho isiphithi-phithi.” Kwathi uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon uZitshangubana, kwafika umntu obhinqileyo eneqhaga lelitye lelabhastile, linesiqholo esixabiso likhulu kunene. Kwathi, uYesu esetafileni, le ntokazi yamgalela entloko ngesiqholo eso. Bekubona oku, abafundi bakaYesu bakhathazeka, bathi: “Bekutheni ukuze kwenziwe le nkcitho ingaka? Esi siqholo ngesithengiswe ngemali eninzi, kwaphiwa amahlwempu.” UYesu, ekwazi abakuthethayo, wathi kubo: “Niyikhathazelani na le ntokazi? Indenzele into entle. Kaloku amahlwempu nisoloko ninawo; ke mna anisoloko ninam. Le ntokazi ithe ngokwenjenje yawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam. Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.” Ngelo xesha uJudas Sikariyoti, omnye wabafundi abalishumi elinambini, waya kubabingeleli abaziintloko, wathi: “Nondinika ntoni na ukuba ndithe uYesu ndamnikela kuni?” Ke bamnika amaqhosha amashumi mathathu emali yesiliva. Ukususela ngoko uJudas wazungula ukufumana ithuba lokumbambisa uYesu. Ke kaloku ngowokuqala umhla *wetheko lezonka ezingenagwele, abafundi bakaYesu beza kuye, bathi: “Ufuna ukuba siye kuyilungiselela phi na *iPasika?” Waza wathi: “Hambani niye esixekweni kumntu othile, nithi kuye: ‘UMfundisi uthi: Ixesha lam lisondele. Mna nabafundi bam siya kuyityela kwakho iPasika.’ ” Benza ke abafundi njengoko uYesu wayebayalele ngako, bayilungiselela iPasika. Kwakuhlwa ke, uYesu waya kuhlala etafileni, enabafundi bakhe abalishumi elinambini. Xa babesitya, uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni uya kundingcatsha.” Baza ke baba buhlungu, besithi kuye ngabanye: “Ngaba iya kuba ndim na, Nkosi?” Wabaphendula wathi: “Lowo usithi nkxu esityeni isonka kunye nam, nguye oya kundingcatsha. Okunene yena *uNyana woLuntu uyemka, njengoko zitshoyo ngaye *iziBhalo; kodwa hayi loo mntu angcatshwa nguye uNyana woLuntu! Ngekumlungele loo mntu ukuba ebengazalwanga.” Waphendula uJudas, lowo wayeza kumngcatsha, wathi: “Ngaba iya kuba ndim na, Mfundisi?” UYesu wathi: “Nawe utsho.” Xa babesitya uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika abafundi bakhe, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.” Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, wathi: “Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli elisisiqinisekiso somnqophiso, eliphalazelwa abaninzi, ukuze baxolelwe izono. Ndithi kuni, andiyi kuphinda ndisele kwincindi yeediliya, kude kube yiloo mini ndiyisela kunye nani iyentsha kwikomkhulu likaBawo. ” Bakuba becule indumiso, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. Ngelo xesha uYesu wathi kubo: “Ngobu busuku nonke niya kukhubeka ngenxa yam, kuba *iziBhalo zithi: ‘Ndiya kubulala umalusi, zichithakale iigusha.’ Xa ke ndithe ndavuswa ekufeni, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili.” Waphendula uPetros, wathi kuye: “Nokuba baya kukhubeka bonke, mna andingekhe!” UYesu ke wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, kwangobu busuku, ingekakhali inkuku, uya kundikhanyela kathathu.” UPetros wathi kuye: “Nokuba ndingade ndibe ndiza kufa kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!” Batsho bonke ke abafundi.