Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEWU 23:1-12

UMATEWU 23:1-12 XHO96

Waza uYesu wathetha nesihlwele nabafundi bakhe, esithi: “Abachazi-mthetho *nabaFarasi banegunya lokuchaza *umthetho kaMosis. Ke ngoko kuveni nikwenze konke abanokuthi banixelele kona; kodwa ukwenza ze ningenzi ngokwezenzo zabo, kuba bayathetha baze kwabona bangakwenzi oko bakuthethileyo. Kaloku iimfundiso zabo ziyimithwalo enzima, abayibeka emagxeni abantu, kanti bona ngokwabo abafuni ukuyichukumisa nangomnwe lo. Konke okulungileyo abakwenzayo, bakwenzela ukuze babonwe ngabantu. Bawabopha ngemixwayo ebanzi amaqhaga anezicatshulwa zomthetho; bazenze nde iintshinga zezambatho zabo; bathande iindawo zamawonga ezidlweni, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungo; bathande ukuba kukhahlelwe kubo emabaleni embutho, bethanda nokuba abantu bathi kubo: ‘Mfundisi!’ Ke kuni ze kungathiwa ‘mfundisi,’ kuba mnye uMfundisi eninaye, nibe nina nonke niyimilowo. Ze ningabizi mntu emhlabeni apha ngokuthi nguyihlo, kuba mnye uYihlo, lowo ke usezulwini. Ngokukwanjalo ze kungàthiwa niziinkokheli, kuba mnye uMkhokeli wenu, *uKrestu ke. Omkhulu kuni makabe sisicaka senu. Lowo uziphakamisayo uya kuthotywa, athi lowo uzithobayo aphakanyiswe.”