ULUKA 18:18-43

ULUKA 18:18-43 XHO96

Umphathi othile wabuza kuYesu esithi: “Mfundisi olungileyo, ndingenza ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?” UYesu wathi kuye: “Kutheni usithi ndilungile nje? Akukho mntu ulungileyo. Mnye kuphela olungileyo: nguThixo. Uyayazi imithetho ethi uze ungakrexezi; uze ungabulali; uze ungebi; uze ungangqini ubuxoki; beka uyihlo nonyoko. ” Ke yena wathi: “Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam.” Ekuvile oko uYesu, wathi kuye: “Kusekho into enye oyisweleyo: zithengise zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum, ube ngumlandeli wam.” Ezivile ezo ndawo, wadana, kuba wayesisinhanha. UYesu, ekubona ukudana kwakhe, wathi: “Hayi ubunzima bokuba izityebi zikuxhamle ukulawulwa nguThixo. Kungâlula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi sixhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo. ” Abo bevayo ke bathi: “Ngubani ke onokusindiswa?” Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.” Ke uPetros wathi: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela.” Waza uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngabazali, nokuba ngabantwana, ngenxa yokufuna ukulawulwa nguThixo, ongayi kuthi ngoku ngalo eli xesha amkele ngokuphinda-phindiweyo, aze kwiphakade elizayo amkele ubomi obungunaphakade.” Ke uYesu wabathatha abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ngoku ke siyemka, siya eJerusalem. Ke zonke izinto abazibhalayo *abashumayeli ngaye *uNyana woLuntu, ziya kuzaliseka. UNyana woLuntu uya kunikelwa kwabasemzini, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe. Baya kumkatsa, bambulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.” Ke bona abafundi abaqondanga nento le kwezi zinto. Intsingiselo yala mazwi yayifihlakele kubo, bengazazi ezi zinto azithethayo. Kwathi, ekusondeleni kukaYesu eJeriko, kwabakho mfama ithile, ihleli ngasendleleni ingqiba. Yakuva kudlula isihlwele, yabuza ukuba ngaba yintoni na le. Bayixelela bathi: “Kudlula uYesu waseNazarete.” Yaza yabhomboloza isithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” Abo babehamba ngaphambili bayikhalimela ukuba ithi tu, kodwa kwaba kukhona yona ikhwazayo ngakumbi, isithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” Wema uYesu, wathi imfama leyo mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza esithi: “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?” Yathi imfama kuye: “Nkosi yam, ndicela ukuba ndibuye ndibone.” Wathi kuyo uYesu: “Kulungile ke, bona! Ukholo lwakho lukuphilisile.” Yabuya yabona kwangoko, yamlandela uYesu, ibulela uThixo. Bonke abantu, bakukubona oko, bamdumisa uThixo.