Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 12:16-21

ULUKA 12:16-21 XHO96

Waza uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu. Yena wacinga esithi: ‘Ndiya kuthini na, kuba andinandawo ndinokusigcina kuyo isivuno sam?’ Waza wathi: ‘Nantsi into endiya kuyenza: ndiya kubadiliza oovimba bam, ndakhe abakhulu kunabo, ndiyihlanganisele kubo yonke ingqolowa yam nendyebo yam; ndize ke ndithi kuwo umphefumlo wam: Mphefumlo wam, unempahla eninzi yeminyaka emininzi; phumla, yitya, sela, chwayita!’ Ke uThixo wathi kuye: ‘Siyathandini, ngobu busuku uya kwahlukana nobomi bakho. Ziya kuba zezikabani ke ezo zinto uzilungisileyo?’ Únjalo ke lowo uziqwebela ubutyebi, kodwa engenabutyebi kuThixo.”