KWABASE-EFESE 4:17-32

KWABASE-EFESE 4:17-32 XHO96

Ngoko ke ndiyanibongoza ndinilumkisa egameni leNkosi. Yahlukanani nokuziphatha ngokwabahedeni abangqiqo ziphuthileyo, abangqondo zimfiliba. Abananxaxheba kubomi bukaThixo, kuba basemnyameni ombonde-mbonde, baqaqadekile. Baphelelwe ziintloni, bazilahlele emanyaleni nasekungcoleni, bangooncanyelweni. Kodwa ke nina animfundanga ngolo hlobo uKrestu. Kambe senivile ngaye, ibe ke njengamaKrestu niyifundisiwe inyaniso kaKrestu. Ngoko ke silahleni isimo senu esidala. Besinilahlekisa ngeenkanuko ezingendawo ezinirhuqela ekufeni. Iintliziyo zenu mazihlaziyeke ngokupheleleyo. Thathani isimo esitsha esidalwe safuza uThixo, esizibonakalisa ngobomi obumsulwa, obungcwele, obunyanisekileyo. Ngoko ke musani ukuba saxoka! Elowo makathethe inyaniso nowabo, kuba xa sisonke singamalungu omzimba kaKrestu. Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu. Umntu obekade elisela makahlukane nokuba. Ndaweni yaloo nto makasebenze enyanisekile, azixhase, abe nako nokunceda abahlelelekileyo. Intetho ekrwada mayingaphumi emilonyeni yenu. Ukuthetha kwenu makuthambe, kube kokwakhayo, ukuze kube luncedo nentsikelelo kwabaphulaphuleyo. Musani ukumdakumbisa uMoya oyiNgcwele kaThixo, kuba uniphawulele umhla wokugqibela wenkululeko. Yahlukanani nayo yonke inzondo, iphuku, nomsindo; ukuthukisa, nokunyelisa nalo lonke ulunya. Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.