Njengoko kaloku navuswa kunye noKrestu, yibani nomdla kwizinto zasezulwini, apho akhoyo uKrestu, ehleli kwiwonga alinikwe nguThixo. Iingqondo zenu zimiliseleni kwizinto zaphezulu, kungabi kwizinto zalo mhlaba. Kaloku nafa; ngoko ke ubomi benu busafihlakele kunye noKrestu kuThixo. UKrestu bubomi benu; ngoko ke, akubonakaliswa yena, nani niya kubonakala ningoomaqhuzu kunye naye.
Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo. Izimilo ezinje zizondwa yingqumbo kaThixo. Nani ke ngokuyâ naningekaguquki naniziphethe ngolu hlobo.
Kodwa ke ngoku zilumleni kuzo zonke ezi zinto: ingqumbo, iphuku, ububi, ukuthuka, nokuthetha krwada. Ngoku nisilahlileyo isimo esidala sanukuxokisana. Kaloku ngoku nambethe isimo esitsha, athe chu kuhle ukusihlaziya uThixo, ukuze sifuze yena mdali waso, nokuze nani nimazi ngokupheleleyo. Apho ke akusekho mahluko phakathi komGrike nomJuda, owalukileyo nongalukanga, abangaphucukanga nabaphantsi, ikhoboka nokhululekileyo; kuba uKrestu uyinto yonke, ekubo bonke.
Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde. Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.
Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo. Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo. Maluhlale ngokupheleleyo ezintliziyweni zenu udaba lukaKrestu. Fundisanani, niyalane ngobulali. Culani iindumiso, nihlabele amaculo, nivuma iingoma zoMoya, nibulela uThixo ngentliziyo. Nantoni na ke eniyenzayo, nokuba niyathetha, nokuba niyenza, yenzeleni egameni leNkosi uYesu, nibulela uThixo uYise ngayo.