KWABASEROMA 2
2
AmaYuda nawo anetyala
1Kungoko ndithi, Akunakuziphendulela, mntundini ugwebayo, nokuba ùngubani; kuba ngokugweba omnye, uzigweba kwawena; kuba wena ugwebayo wenza kwaezo zinto. 2Siyazi ke ukuba isigwebo sikaThixo siwa ngokwenyaniso phezu kwabo bazenzayo izinto ezinjalo.
3Ùcinga na ke, mntundini ugweba abo bazenzayo izinto ezinjalo, ube usenza kwazona nawe, ukuthi, uya kusisaba na wena isigwebo sikaThixo? 4Okanye ùyabudela na ubutyebi bobubele bakhe, nonyamezelo, nokuzeka kade umsindo; ungazi ukuba ububele bukaThixo bukusa enguqukweni?
5Ke ùthi, ngokuba lukhuni kwakho, nentliziyo yakho engenanguquko, uziqwebele ingqumbo, ngemini yengqumbo nokutyhilwa komgwebo onobulungisa kaThixo; 6oya kuvuza ulowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe: 7abo bathi ngokomonde emsebenzini olungileyo bafune uzuko nembeko nokungonakali, ábavuze ngobomi obungunaphakade; 8ke kwabo beyelenqe, bangayithambeliyo inyaniso, basuke bathambele intswelabulungisa, kuya kubakho umsindo nengqumbo, 9imbandezelo noxinaniso emphefumlweni wabantu bonke abasebenza okubi, kowomYuda ukuqala, kwanakowomGrike; 10kubekho uzuko ke, nembeko, noxolo, kubantu bonke abasebenza okulungileyo, kumYuda ukuqala, kwanakumGrike.
11Kuba kuThixo akukho kukhetha buso. 12Kuba bonke abonileyo bengenamthetho, baya kutshabalala ngokunjalo bengenamthetho; nabo bonke abonileyo benomthetho, baya kugwetywa ngomthetho; 13kuba àsingabanela ukuba ngabaphulaphuli bawo umthetho, ábangamalungisa kuThixo; ngabenzi bawo umthetho abaya kugwetyelwa. 14Kuba xa abeentlanga bathi, bengenamthetho, benze ngemvelo okomthetho, abo, bengenamthetho nje, bangumthetho kubo ngokwabo: 15bona bawubonakalalisayo umsebenzi womthetho, ubhalwe ezintliziyweni zabo, sibe isazela sabo singqinelana nawo, zibe izicamango zabo zimangalelana, ziphathe kuziphendulela. 16Kuya kuba njalo mhlenikweni uThixo aya kuzigweba izinto ezifihlakeleyo zabantu, ngokweendaba zam ezilungileyo ngoYesu Kristu.
17Ùyabona, wena unegama lokuba ungumYuda, wayame ngomthetho; uqhayisa ngoThixo; 18ùyakwazi ukuthanda kwakhe; uzicikida izinto ezahlukeneyo, uwutyelwe umthetho; 19kananjalo wena ukholose ngokuthi ungumkhokeli weemfama, ulukhanyiselo lwabo basebumnyameni, 20umluleki wabaswele ukuqonda, umfundisi weentsana, onesimilo sokwazi nesenyaniso emthethweni. 21Ndithi, wena ke umfundisayo omnye, akuzifundisi? Wena ke uvakalisa ukuthi, makungebiwa, uyeba? 22Wena ke uthi, makungakrexezwa, uyakrexeza? Wena ke ukruqukileyo zizithixo, uphanga iitempile? 23Wena ke uqhayisa ngomthetho, uyamhlazisa uThixo ngokugqitha umthetho? 24Kuba igama likaThixo linyeliswa ngenxa yenu phakathi kwazo iintlanga, njengoko kubhaliweyo.
25Kuba ulwaluko luyanceda okunene, ukuba ùyawenza umthetho; kodwa ukuba ungumgqithi womthetho, ulwaluko lwakho lusuke lwaba kukungaluki. 26Ngoko ke, ukuba ongalukileyo uthi azigcine izimiselo zomthetho, àkuyi kuthi na ukungaluki kwakhe kubalelwe ekuthini kukwaluka? 27Kuthi ukungaluki, oko kwasemvelweni, ngokuwuzalisa umthetho, kukugwebe wena ungumgqithi-mthetho, noko unesibhalo nolwaluko?
28Kuba umYuda asingulowo unguye ngokwangaphandle, nolwaluko asilulo olo lwangaphandle enyameni; 29umYuda ngulowo wasemfihlekweni, nolwaluko lolwentliziyo ngomoya, kungengantetho: yena ùkudunyiswa kwakhe kungaphumi bantwini, kuphuma kuThixo.
Currently Selected:
KWABASEROMA 2: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.