Umgxeki akakuthandi ukohlwaywa kwakhe, Akayi kwizilumko. Intliziyo evuyileyo iyabuchwayithisa ubuso; Ekubulalekeni kwentliziyo umoya uthi dakumba. Intliziyo enengqondo ifuna ukwazi; Umlomo wesinyabi usukelana nokumatha. Yonke imihla yosizana mibi; Intliziyo echwayithileyo inesidlo ngamaxesha onke. Ilungile intwana encinane kunye nokoyika uYehova, Ngaphezu kwendyebo eninzi kunye nokuxhalaba. Ulungile umxhesho womfuno kunye nothando, Ngaphezu kwenkomo etyetyisiweyo kunye nentiyo. Indoda enobushushu ixhaya ingxabano; Ezeka kade umsindo idambisa imbambano. Indlela yevila ngathi ibiyelwe ngemitholo; Ke umendo wabathe tye ubekelelwe. Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise; Umntu osisinyabi udela unina. Ukumatha luvuyo koswele intliziyo; Ke indoda enengqondo ithi tye ukuhamba. Iingcinga ziyatshitsha ngokungabikho kokucweya; Ke zona zima ngamaphakathi amaninzi. Indoda inovuyo ngempendulo yomlomo wayo; Ilizwi elithethwe ngexa elililo, azi lihle! Koqiqayo umendo wobomi usinga phezulu, Ukuze emke kwelabafileyo elingaphantsi.
Funda IMIZEKELISO 15
Share
Compare All Versions: IMIZEKELISO 15:12-24
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos