UMARKO 11

11
UYesu ungena eYerusalem ekhwele iesile
(UMat. 21:1-11)
1Ke kaloku, xa basondelayo eYerusalem, eBhetefage naseBhetani, besingisa eNtabeni yemiNquma, ususa babe babini kubafundi bakhe, 2athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi ningena kuwo, nibe senifumana ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise. 3Nokuba ubani uthe kuni, Yini na ukuba nikwenze oko? nòthi, Liyafuneka eNkosini; wothi kwaoko ke alithumele apha.
4Basuka ke baya, balifumana ithole libotshelelwe ngasemnyango ngaphandle, ekuhlanganeni kweendlela; balikhulula. 5Baye abathile kwababemi khona besithi kubo, Nenza ntoni na, nilikhulula nje ithole? 6Bathetha ke kubo njengoko uYesu ebebawisele umthetho ngako; baza babayeka.
7Balizisa ithole kuYesu; baziphosa iingubo zabo phezu kwalo; wahlala phezu kwalo. 8Ke kaloku abaninzi bazandlala iingubo zabo endleleni; baye ke abanye bexhuzula amahlamvu emithini, bewandlala endleleni. 9Baye abo babehamba ngaphambili, nabo babelandela, bedanduluka, besithi, Hosana; makabongwe lo uzayo egameni leNkosi. 10Mabubongwe ubukumkani bobawo wethu uDavide, obo buzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!
11Uthe ke uYesu wangena eYerusalem nasetempileni; ezisingasingile izinto zonke, wathi, kuba bekusekuhlwile, waphuma waya eBhetani, enabalishumi elinababini.
Umkhiwane oqalekisiweyo. Ukuhlanjululwa kwetempile
(UMat. 21:12-22)
12Uthe ngengomso, bakubon' ukuba baphumile eBhetani, walamba. 13Wathi, ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto na kuwo; akufika kuwo, akafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingelilo ixesha lamakhiwane. 14Waphendula uYesu wathi kuwo, Makungaze kudle mntu siqhamo kuwe naphakade. Baye besiva ke abafundi bakhe.
15Bafika eYerusalem. Waza uYesu, eye kungena etempileni, waqala wabakhupha ababethengisa nababethenga etempileni; wathi neetafile zabanani bemali nezihlalo zabathengisa ngamahobe wazibhukuqa. 16Wayengavumi ukuba kubekho ucanda etempileni ethwele isitya. 17Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.
18Beva ababhali nababingeleli abakhulu; baye befuna ukuba bangáthini na ukumtshabalalisa; kuba babemoyika yena, ngokuba indimbane yonke ibikhwankqisiwe yimfundiso yakhe. 19Uthe ke kwakuhlwa waphuma, waya ngaphandle komzi.
20Bathi bedlula kusasa, bawubona umkhiwane lowo womile, uthabathele kwasezingcanjini. 21Ekhumbule uPetros, uthi kuye, Rabhi,• khangela umkhiwane obuwuqalekisile womile.
22Uphendule uYesu wathi kubo, Yibani nokukholwa kuThixo. 23Kuba inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle, angàthandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka, wokuzuza oko athe wakuthetha. 24Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; nòba nazo. 25Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu. 26Ke, ukuba anixoleli nina, nàye uYihlo osemazulwini akasayi kunixolela iziphoso zenu.
Igunya likaYesu
(UMat. 21:23-27)
27Babuya beza eYerusalem; kuthi, akubon' ukuba uyahamba etempileni, kúze kuye ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu; 28bathi kuye, Ùzenza ezi zinto ngagunya lini na? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya lokuze ezi zinto uzenze? 29Waphendula ke uYesu, wathi kubo, Nam ndiya kunibuza zwi-nye, ze nindiphendule; ndonixelela ke, ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. 30Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? Ndiphenduleni.
31Baye becamanga phakathi kwabo, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye? 32Kodwa ukuba sithe, Lwaluphuma ebantwini — babesoyika abantu; kuba bonke babebambe ukuthi uYohane ubengumprofeti inene. 33Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Aphendule uYesu athi kubo, Nam andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

Currently Selected:

UMARKO 11: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena