UYOBHI 24
24
1Yini na ukuba kungàbekwa maxesha nguSomandla?
Yini na ukuba abamaziyo bangaziboni iimini zakhe?
2Kushenxiswa imilimandlela;
Kuphangwa imihlambi, yaluswe.
3Kuqhutywa kumkiwe ne-esile lenkedama,
Kubanjiswe ngenkomo yomhlolokazi.
4Kugilwa amahlwempu endleleni,
Bazímele ndawonye abaziintsizana belizwe.
5Khangela, njengamaesile asendle entlango,
Baphuma ngomsebenzi wabo, befuna kwakusasa into yokudla;
Inkqantosi sisonka sabantwana kubo.
6Esisimini bavuna ukutya kwabo,
Babhikice esidiliyeni songendawo.
7Balala zé bengenangubo,
Àbananto yokuzigubungela engqeleni,
8Bayanetha sisiphango seentaba;
Bancathama ngeliwa, bengenandawo yakuzímela.
9Kuhluthwa ebeleni iinkedama,
Koniwe abaziintzisana.
10Bahamba zé, bengenangubo;
Bathwala izithungu, belambile.
11Phakathi kweendonga zâbaya bakhama ioli,
Baxovula ezixovulelweni zewayini, benxaniwe noko.
12Emizini kugula amadoda,
Nomphefumlo wabangxwelerhiweyo uyakhala;
Kanti uThixo akathi bubuhilihili.
13Ngabo abo bagwilika ekukhanyeni;
Abanakwazana neendlela zako,
Abahlali ezingqushwini zako.
14Kusathi qhiphu ukusa, kuvuka isihange,
Sibulale iintsizana namahlwempu;
Ebusuku sibe njengesela.
15Iliso lomkrexezi ligciné ungcwalazi;
Ùthi, Akukho liso liya kundalama,
Anxibe isigqubuthelo ebusweni.
16Bagqobhoza izindlu emnyameni;
Emini bayazivalela,
Abazani nokukhanya.
17Ngokuba ubumnyama obuthe shinyi bukukuza kokusa kubo bonke;
Ngokuba bazana nokhwankqiso lobumnyama obuthe shinyi.
18Bayakhawuleza phezu kwamanzi;
Sitshabhisiwe isabelo sabo ehlabathini;
Abasasingi endleleni yesidiliya.
19Amanzi ekhephu ahluthwa ngumqwebedu nakukubalela;
Aboni bahluthwa lelabafileyo.
20Sibalibele isizalo; iimpethu ziyabamunya,
Ababi sakhunjulwa;
Baphulwe ke njengomthi ubugqwetha.
21Bamphanga kakubi oludlolo, ongazalanga;
Abangamenzelanga okulungileyo umhlolokazi.
22Wolula imihla yeembalasane ngamandla akhe,
Ziphakame bezise zibuncamile ubomi.
23Uzinika inkoloseko, zayame,
Amehlo akhe abe phezu kweendlela zazo,
24Ziphakame: kube mzuzwana zingabikho.
Zithe ngqu, zibuthiwe njengabanye bonke,
Zinqanyulwe njengesikhwebu sengqolowa.
25Ukuba kanti akunjalo, ngubani na owondenza othetha amanga,
Akwenze into engento ukuthetha kwam?
Currently Selected:
UYOBHI 24: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.