KUMAHEBHERE 9

9
Umsebenzi ofezekileyo kaKristu awawenzayo emnqubeni omkhulu ogqibeleleyo ngedini lakhe elinye
1Ke ngoko nowokuqala umnqophiso wawunezimiselo zombuso, kwanendawo engcwele yehlabathi. 2Kuba kwakhiwa umnquba lowo. Igumbi lokuqala lalinesiphatho sezibane, kwanetafile, nesiboniso sezonka; lona kuthiwa yingcwele. 3Emva ke kwesesibini isikhuselo, kwabakho umnquba lo kuthiwa yingcwele kangcwele; 4unesibingelelo segolide sokuqhumisa; nayo ityeya• yomnqophiso, yalekwe ngegolide ngeenxa zonke, inesitya segolide ngaphakathi esinemana, inentonga ka-Aron eyadubulayo, inawo amacwecwe omnqophiso. 5Ke ngaphezu kwayo kwema iikerubhi• zobuqaqawuli, zisibekele isicamagushelo; izinto ezo esingenakuthetha ngazo ngazinye ngoku.
6Ke kaloku, zakubon' ukuba zenziwe ngokunjalo ezo zinto, ababingeleli bángena okunene amaxa onke kowokuqala umnquba, beyifeza imibuso kaThixo. 7Kodwa kowesibini kungena kube kanye ngomnyaka umbingeleli omkhulu yedwa, engangeni engenagazi, alisondezayo ngenxa yakhe, nangenxa yokungazi kwabantu. 8Abe ngoku uMoya oyiNgcwele esazisa ukuthi, indlela eya kweyona ngcwele ayikabonakalaliswa, umnquba wokuqala usemi; 9wona lo ungumzekeliso ozise exesheni elingeneyo, ekuthi ngalo kusondezwe iminikelo kwanamadini, izinto ezo ezingenako ngokwesazela ukumenza agqibelele lowo ukhonzayo; 10ezithe, ndawonye nezinto ezidliwayo neziselwayo, neentlambululo ngeentlambululo, ezizizimiselo zenyama kuphela, zamiselwa ukuba kude kufike ixesha lolungiso.
11Ke yena uKristu, efike wangumbingeleli omkhulu wazo izinto ezilungileyo eziza kubakho, uthe ngowona mkhulu ugqibeleleyo umnquba, ongenakwenziwa ngazandla, oko kukuthi, ongengowale ndalo, 12wangena kwaba kanye kweyona ngcwele, kungengalo negazi leebhokhwe nelamathole, kungegazi elilelakhe; wafumana inkululo engunaphakade ngokusihlawulela. 13Kuba, ukuba igazi leenkomo neleebhokhwe, nothuthu lwethokazi olufefa abaziinqambi, lungcwalisela ekuhlambululeni inyama: 14lobeka phi na ukugqithisela lona igazi likaKristu, owazisondeza ngoMoya ongunaphakade, engenasiphako, kuye uThixo, ukusihlambulula isazela senu emisebenzini efileyo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo?
15Nangenxa ke yoko, ungumlamleli womnqophiso omtsha, ukuze bathi abo babiziweyo (kwakubon' ukuba kubékho ukufa okuhlawulela izigqitho, ezibe ziphantsi kwawo umnqophiso wokuqala), balamkele idinga lelifa elingunaphakade. 16Kuba apho kukhoyo umnqophiso womyoleli, kufuneka ukuba kucace ukufa kwalowo unqophisileyo. 17Kuba umnqophiso uqiniseka bakuba befile, ekubeni ungàze ube namandla xenikweni asadla ubomi lowo unqophisileyo.
18Ekuthe ngoko nowokuqala àwasungulwa kungekho gazi. 19Kuba kuthe, kwakubon' ukuba umthetho wonke uxeliwe nguMoses ebantwini bonke ngokomyalelo, walithabatha igazi lamathole neleebhokhwe, ndawonye namanzi, noboya obubomvu, nehisope,• wafefa incwadi ngokwayo, kwanabantu bonke; 20esithi, Eli ligazi lawo umnqophiso, aniwisele umthetho ngawo uThixo. 21Nomnquba ke, nazo zonke iimpahla zombuso, wazifefa ngokunjalo ngegazi. 22Kananjalo ngokomthetho ndingáde ndithi, zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjululwe ngegazi; kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa. 23Kwafuneka ngoko, ukuba okunene izizekelo zezinto ezisemazulwini zihlanjulùlwe ngezinto ezinjalo, kodwa zona iziqu zazo ezasemazulwini zihlanjulùlwe ngamadini alungileyo kunalawo. 24Kuba uKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungené kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu. 25Kananjalo akangenanga ukuze azisondeze futhi, njengokuba umbingeleli omkhulu ebengena kweyona ngcwele iminyaka ngeminyaka, enegazi lenye into; 26okanye angé emelwe kukuba abe ebeve ubunzima futhi, kuseloko lasekwayo ihlabathi. Ke uthe ngoku, ekufinyezweni kwawo amaphakade, wabonakalaliswa kwaba kanye, ukuba atshitshise isono ngelilelakhe idini.
27Ke kwanjengokuba ke abantu bemiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo: 28ngokunjalo uKristu, esondezwe kwaba kanye, ukuba asithwale asisuse isono sabaninzi, uya kuthi okwesibini, ngaphandle kwesono, abonakale kwabo bamlindileyo, ezisa usindiso.

Currently Selected:

KUMAHEBHERE 9: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena