USAMUWELI II 2
2
UDavide ukumkani wakwaYuda eHebron
1Kwathi emveni koko, wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndinyùke na ndiye emzini wakwaYuda? Wathi uYehova kuye, Nyuka. Wathi uDavide, Ndinyùke ndiye phi na? Wathi yena, EHebron. 2Wenyuka ke waya khona uDavide, nabafazi bakhe bobabini, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali, umkaNabhali, waseKarmele. 3Namadoda akhe abenawo wawanyusa uDavide, yayileyo nendlu yayo, ahlala emizini yaseHebron. 4Eza amadoda akwaYuda, amthambisa khona apho uDavide ukuba abe ngukumkani kwindlu yakwaYuda.
Kwaxelwa kuDavide, kusithiwa, Amadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, ngawo awamngcwabáyo uSawule. 5UDavide wathumela ke abathunywa kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, wathi kuwo, Manisikelelwe nguYehova nina, nayenzelayo inkosi yenu uSawule loo nceba, nayingcwaba. 6Ngoko uYehova makanenzele inceba nenyaniso; nam ndiya kunenzela oko kulungileyo, ngokuba nayenzayo loo nto. 7Ke kaloku mazomelele izandla zenu, nibe ngamadoda anobukroti; ngokuba ifile inkosi yenu uSawule. Kananjalo indithambisile indlu yakwaYuda ukuba ndibe ngukumkani wayo.
UAbhinere wenza uIshbhoshete, unyana kaSawule, ukumkani wamaSirayeli
8Ke kaloku uAbhinere unyana kaNere, umthetheli womkhosi obungokaSawule, ebethabathe uIshbhoshete, unyana kaSawule, wamwezela eMahanayim, 9wamenza ukumkani eGiliyadi, nakuma-Askure, naseYizereli, nakwaEfrayim, nakwaBhenjamin, nakumaSirayeli onke. 10UIshbhoshete, unyana kaSawule, ebeminyaka imashumi mané ezelwe, ekwenziweni kwakhe ukumkani kumaSirayeli, wangukumkani iminyaka emibini. Kodwa indlu yakwaYuda yalandela uDavide. 11Inani lemihla uDavide abengukumkani kwindlu yakwaYuda eHebron, libe liyiminyaka esixhenxe eneenyanga ezintandathu.
Imfazwe yamakhaya; uAsaheli ubulawa nguAbhinere
12Waphuma uAbhinere unyana kaNere, nabakhonzi bakaIshbhoshete, unyana kaSawule, eMahanayim, baya eGibheyon. 13Baphuma uYowabhi unyana kaTseruya, nabakhonzi bakaDavide, baqubisana nabo echibini laseGibheyon. Bahlala aba echibini ngapha, bahlala abaya echibini ngaphaya.
14Wathi uAbhinere kuYowabhi, Amadodana makakhe asuke adlale phambi kwethu. Wathi uYowabhi, Makasuke. 15Kwesuka kwawela amanani: ishumi elinamabini lakwaBhenjamin, lakwaIshbhoshete unyana kaSawule, neshumi elinamabini kubakhonzi bakaDavide. 16Yaba ngulowo wabamba ummelwane wakhe ngentloko, nekrele lakhe lela ecaleni lowabo; bawa kunye ndaweninye. Kwathiwa ke le ndawo yiHelekati-hatsurim• eseGibheyon. 17Kwaliwa kakhulu ngaloo mini. Wagxothwa uAbhinere namadoda akwaSirayeli phambi kwabakhonzi bakaDavide.
18Babelapho bobathathu oonyana bakaTseruya: uYowabhi, noAbhishayi, noAsaheli. Ke uAsaheli waye enamendu, enjengebhadi lasendle.
19UAsaheli wamsukela uAbhinere; akathi gu bucala aye ngasekunene nangasekhohlo emva koAbhinere. 20Wabheka uAbhinere, wathi, ÙnguAsaheli na? Wathi yena, Ndinguye. 21Wathi uAbhinere kuye, Tyekela ngasekunene kwakho, nokuba kungasekhohlo kwakho, ubambe enye kumadodana, uzithabathele isikrweqe sayo. 22Ke uAsaheli akavuma ukutyeka ekumlandeleni. Wabuya waphinda wathi uAbhinere kuAsaheli, Tyeka ekundilandeleni; yini na ukuba ndide ndikubethe, uwe emhlabeni? Ndothini na ukubuphakamisa ubuso bam kuYowabhi, umkhuluwa wakho? 23Akavuma ukutyeka. UAbhinere wamtsho ngoluthi lwentshuntshe esiswini; yaya kuphuma intshuntshe ngasemva. Wawa khona, wafela kuloo ndawo. Bathi bonke abafika kuloo ndawo wàwa wafela kuyo uAsaheli, bee nqumama.
24OoYowabhi noAbhishayi bamsukela bamlandela uAbhinere, lada latshona ilanga; bada bafika edulini yeAma, ekhangelene neGiya, endleleni yentlango yeGibheyon. 25Bahlanganisana oonyana bakaBhenjamin, bamlandela uAbhinere, bambumba-nye, bema encotsheni yanduli-nye. 26Wamemeza uAbhinere kuYowabhi, wathi, Liya kumana ukudla na ikrele? Akwazi na ukuba kuya kuba krakra kamva? Kuya kuba mzuzu ungakanani na ungabaxeleli abantu, babuye ekusukeleni abazalwana babo? 27Wathi uYowabhi, Ehleli nje uYehova, ukuba bekungathelekiswanga nguwe, inene, ngebenyuswe bemka kwangokuyá kwakusasa abantu, elowo ákamsukela umzalwana wakhe. 28UYowabhi wavuthela isigodlo; bema bonke abantu, ababa sawasukela amaSirayeli, ababa saphinda balwe.
29UAbhinere namadoda akhe bahamba eArabha bonke obo busuku. Bayiwela iYordan, bayihamba yonke iBhitron, beza eMahanayim.
30Wabuya ke uYowabhi ekumsukeleni uAbhinere; wabahlanganisa abantu bonke, kwasweleka kubakhonzi bakaDavide ishumi elinesithoba lamadoda, noAsaheli. 31Ke abakhonzi bakaDavide babebulele, kumaBhenjamin nakumadoda akwa-Abhinere, amakhulu amathathu anamanci amathandathu amadoda, afa. 32Bamthabatha uAsaheli, bamngcwaba engcwabeni likayise eliseBhetelehem. Bahamba ke ubusuku bonke uYowabhi namadoda akhe, kwasa beseHebron.
Currently Selected:
USAMUWELI II 2: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.