OOKUMKANI II 2
2
Ukunyuka kukaEliya; uElisha usesikhundleni sakhe
1Kwathi ekuza kumnyuseni kukaYehova uEliya ngomoya ovuthuzayo, ukuba aye emazulwini, wabe uEliya ehamba noElisha, besuka eGiligali. 2Wathi uEliya kuElisha, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithumé eBheteli. Wathi uElisha, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Behla ke, baya eBheteli.
3Baphuma oonyana babaprofeti, ababeseBheteli, baya kuElisha, bathi kuye, Ùyazi na kodwa ukuba namhlanje úyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka. 4Wathi uEliya kuye, Elisha, khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithumé eYeriko. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Bangena ke eYeriko.
5Beza oonyana babaprofeti ababeseYeriko kuElisha, bathi kuye, Ùyazi na kodwa ukuba namhla úyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka. 6Wathi uEliya kuye, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithumé eYordan. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. 7Bahamba ke bobabini. Kwahamba amadoda amashumi mahlanu koonyana babaprofeti, afika ema mgama malunga nabo. Bona bema bobabini ngaseYordan. 8UEliya wayithabatha ingubo yakhe enkulu, wayisonga, wabetha ngayo emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; bawela bobabini komile.
9Kwathi, xa bawelileyo, wathi uEliya kuElisha, Cela into, ndikwènzele, ndingekasuswa kuwe. Wathi uElisha, Mandizuze izahlulo ezibini zomoya wakho. 10Wathi, Ùcele into enzima; kodwa ke ukuba uthe wandibona ukususwa kwam kuwe, koba njalo, ukuba akuthanga undibone, akuyi kuba njalo.
11Kwathi, besahamba, behamba bethetha, kwabonakala inqwelo yomlilo namahashe omlilo; yabahlula bobabini, wenyuka uEliya ngomoya ovuthuzayo, waya emazulwini. 12UElisha ákukubona oko, wadanduluka, wathi, Bawo, bawo, nqwelo yokulwa yakwaSirayeli, nabamahashe ayo! Akaba sambona. Wazibamba ezakhe iingubo, wazikrazula zaziqwenga zibini; 13wayichola ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye; wabuya, wafika wema elunxwemeni lweYordan. 14Wayithabatha ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye, wabetha ngayo emanzini, wathi, Úphi na uYehova, uThixo kaEliya, yena kanye? Wabetha ke emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; wawela uElisha.
15Bambona oonyana babaprofeti ababeseYeriko malunga naye, bathi, Umoya kaEliya uhleli kuElisha. Baya kumkhawulela, baqubuda kuye. 16Bathi kuye, Yabona, kukho kubakhonzi bakho amadoda amashumi mahlanu anobukroti; makhe aye kuyifuna inkosi yakho, ukuba uMoya kaYehova akayifukulanga na, wayiphosa entabeni ethile, nokuba kusemfuleni othile. Wathi, Musani ukuwathuma. 17Bamjoka, wada waneentloni, wathi, Wathumeni. Bawathuma ke amadoda amashumi mahlanu; amfuna iintsuku ezintathu, akamfumana. 18Abuya eza kuye; waye eseYeriko, wathi kuwo, Ndibe ndingatshongo na kuni ukuthi, Musani ukuya?
19Athi amadoda aloo mzi kuElisha, Uyabona, ukuma kwalo mzi kuhle, njengoko ibonayo inkosi yethu; ke amanzi mabi, nalo mhlaba awuniki nto. 20Wathi, Ndiziseleni isitya esitsha, nigalele ityuwa kuso. 21Amzisela ke. Waphuma, waya apho aphuma khona amanzi, wayigalela kuwo ityuwa, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiwaphilisile la manzi; akusayi kuba saphuma kufa kuwo, nakunganiki. 22Aphila ke amanzi lawo unanamhla, ngokwelizwi likaElisha awalithethayo.
23Wenyuka apho waya eBheteli. Uthe xa anyuka ngendlela, kwaphuma usapho lwamgculela, lwathi kuye, Nyuka, nkqayindini! 24Nyuka, nkqayindini! Wabheka ngasemva, walubona, waluqalekisa egameni likaYehova. Kwaphuma iibherekazi• zambini ehlathini, zabaqwenga abantwana abamashumi mané anababini kulo.
25Wesuka khona, waya entabeni yeKarmele; wesuka khona, wabuyela kwaSamari.
Currently Selected:
OOKUMKANI II 2: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.