IZIKRONIKE II 18

18
1Ke uYehoshafati ube enobutyebi nozuko ngokukhulu, wazekelana noAhabhi. 2Wehla ekupheleni kweminyaka ethile, waya kuAhabhi kwaSamari. UAhabhi wamxhelela impahla emfutshane neenkomo ezininzi, waxhelela nabantu abenabo, wamcenga ukuba anyuke naye aye eRamoti yaseGiliyadi. 3Wathi uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati ukumkani wakwaYuda, Wòhamba na nam, siye kulwa neRamoti yaseGiliyadi? Wathi kuye, Ndinjengawe, abantu bam banjengabantu bakho; soya nawe ekulweni. 4Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Khawubuzise elanamhla ilizwi likaYehova.
5Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, amakhulu amané amadoda, wathi kubo, Siye kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka, uThixo wóyinikela esandleni sokumkani. 6Wathi uYehoshafati, Akusekho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuye? 7Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuYehova, ke mna ndiyithiyile; ngokuba ayiprofeti okulungileyo ngam, iprofeta okubi imihla yayo yonke; nguMikaya, unyana kaImla. Wathi uYehoshafati, Makangatsho ukumkani. 8Waza ukumkani wakwaSirayeli wabiza umbusi, wathi, Khawulezisa uMikaya unyana kaImla, eze apha.
9Ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati ukumkani wakwaYuda babehleli elowo etroneni yakhe, bambethe iingubo zabo, behleli ebaleni, ekungeneni esangweni lakwaSamari; bonke abaprofeti beprofeta phambi kwabo. 10Ke uZedekiya, unyana kaKenahana, wazenzela iimpondo zesinyithi, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ùya kuwangqula ngazo ezi ama-Aram,• ude uwagqibe. 11Bonke abaprofeti benjenjalo ukuprofeta, besithi, Nyuka uye eRamoti yaseGiliyadi, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.
12Ke umthunywa obeye kubiza uMikaya, wathetha kuye esithi, Khawubone, amazwi abaprofeti athetha okuhle ngamlomo mnye kukumkani; ilizwi lakho makhe libe njengelabo, uthethe okuhle. 13Wathi uMikaya, Ehleli nje uYehova, athe wakuthetha uThixo wam, ndothetha kona.
14Wafika kukumkani; wathi ukumkani kuye, Mikaya, siye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, ndiyeke, kusini na? Wathi, Nyuka ube nempumelelo; baya kunikelwa esandleni senu. 15Wathi ukumkani kuye, Makube zizihlandlo ezingaphi na ndikufungisa, ukuba ungàthethi nto kum, ingeyiyo nyaniso egameni likaYehova? 16Wathi yena, Ndiboné amaSirayeli onke elusali ezintabeni, njengempahla emfutshane engenamalusi. Wathi uYehova, Àbanankosi, mababuyele elowo endlwini yakhe enoxolo. 17Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Bendingatshongo na kuwe ukuthi, akayi kuprofeta okuhle ngam, koba kokubi?
18Wathi yena, Ngako oko, liveni ilizwi likaYehova: Ndimbonile uYehova ehleli etroneni yakhe, umi wonke umkhosi wasemazulwini ngasekunene kwakhe nangasekhohlo kwakhe. 19Wathi uYehova, Ngubani na oya kulukuhla uAhabhi, ukumkani wamaSirayeli, enyuke aye awe eRamoti yaseGiliyadi? Wejenje lo ukuthetha, wenjenje lo ukuthetha. 20Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna. 21Wathi uYehova kuwo, Ngantoni na? Wathi wona, Ndophuma ndiye, ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabaprofeti bakhe bonke. Wathi yena, Mlukuhle ufeze; phuma uye, wenjenjalo. 22Uyabona kaloku uYehova ungenisé umoya wobuxoki emlonyeni wabo baprofeti bakho; uYehova uthethé okubi ngawe.
23Wesuka uZedekiya, unyana kaKenahana, wafika wambetha uMikaya esidleleni, wathi, Úgqithe ngayiphi na indlela uMoya kaYehova ukumka kum, ukuba aye kuthetha nawe? 24Wathi uMikaya, Khangela, ùya kubona ngaloo mini, ùya kuza uthungele amagumbi, uzímela.
25Wathi ukumkani wakwaSirayeli, Mthabatheni uMikaya, nibuye naye, nimse kuAmoni umphathi womzi, nakuYowashe unyana wokumkani. 26Nithi, Utsho ukumkani ukuthi, Mfakeni entolongweni lo, nimdlise isonka soxiniweyo, namanzi oxiniweyo, ndide ndibuye ndinoxolo. 27Wathi uMikaya, Ukuba uthe wabuya wabuya unoxolo, woba uYehova akathethanga ngam. Wathi, Yivani nonke, zizwe ziphela.
28Wenyuka ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, baya eRamoti yaseGiliyadi. 29Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndiya kuzenza mntu wumbi, ndingene ekulweni; yambatha iingubo zakho wena. Wazenza mntu wumbi ukumkani wakwaSirayeli, bangena ekulweni. 30Ke ukumkani wakwa-Aram wabawisela umthetho abathetheli beenqwelo zokulwa abenazo, wathi, Ize ningalwi nomncinane, nomkhulu; yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa. 31Kwathi, bakumbona uYehoshafati abathetheli beenqwelo zokulwa, bathi bona, Ngukumkani wakwaSirayeli; bamrhawula, beza kulwa naye. Wakhala uYehoshafati; uYehova wamnceda, uThixo wabasonga kuye. 32Kwathi bakubona abathetheli beenqwelo zokulwa, ukuba àsingukumkani wakwaSirayeli, babuya ekumsukeleni.
33Wathi umntu watyeda isaphetha efunisela, watola ukumkani wakwaSirayeli ekuhlanganeni kwengubo yentsimbi namasondo ayo. Wathi kumqhubi wenqwelo yakhe yokulwa, Jika izandla zakho, undikhuphele ngaphandle komkhosi, ngokuba ndingxwelerhiwe. 34Ukulwa kwenyuka loo mini. Ukumkani wakwaSirayeli wazimisa enqwelweni phambi kwama-Aram kwada kwahlwa; wafa ukutshona kwelanga.

Currently Selected:

IZIKRONIKE II 18: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena