USAMUWELI I 15

15
USawule uyawoyisa ama-Amaleki
1Wathi uSamuweli kuSawule, UYehova wandithuma ukuba ndikuthambise ube ngukumkani kubantu bakhe, kumaSirayeli. Wáphulaphule ke ngoko amazwi kaYehova. 2Utsho uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndikukhangéle konke awakwenzáyo ama-Amaleki kumaSirayeli, okokuba awathintelayo endleleni ekunyukeni kwawo eYiputa. 3Yiya ngoko, uwaxabele ama-Amaleki, nikusingele phantsi konke anako, ningawacongi; uze ubulale, uthabathela kwindoda use kwinkazana, uthabathela kolunyulweyo use kowanyayo, uthabathela kwinkomo use kwimvu, uthabathela kwinkamela use kwiesile.
4Wababiza ke abantu, wababala eTelayim; amabini amakhulu amawaka omqikela; alishumi lamawaka amadoda akwaYuda. 5USawule wafika kumzi wama-Amaleki walalela esihlanjeni. 6Wathi uSawule kumaKeni, Hambani nihle, nimke kuma-Amaleki, hleze ndiniquke nawo; nina nabenzela inceba bonke oonyana bakaSirayeli ekunyukeni kwabo eYiputa. Emka ke amaKeni kuma-Amaleki. 7USawule wawaxabela ama-Amaleki, wathabathela eHavila wada waya eShure, ekhangelene neYiputa. 8Wambamba uAgagi ukumkani wama-Amaleki ehleli, wabasingela phantsi bonke abantu ngohlangothi lwekrele.
9USawule nabantu bamsindisa uAgagi, neyona ilungileyo impahla emfutshane, neenkomo, neyalekelwayo, neemvana, izinto zonke ezilungileyo àbavuma ukuzisingela phantsi zona; ke yonke impahla edelekileyo, egxugxileyo, bayisingela phantsi.
Ukungathobeli kukaSawule nokulahlwa kwakhe
10Lafika ilizwi likaYehova kuSamuweli, lisithi, 11Ndiyazohlwaya ngenxa yokuba ndimenzile uSawule ukumkani; ngokuba ebuyile ekundilandeleni, akalifeza ilizwi lam. Wavutha ngumsindo uSamuweli, wakhala kuYehova ubusuku bonke.
12Wavuka kusasa uSamuweli, waya kukhawulela uSawule kusasa. Waxelelwa uSamuweli kwathiwa, USawule uze eKarmele; nanko ezimisele isikhumbuzo, ejike wegqitha, wehla waya eGiligali. 13USamuweli waya kuSawule; uSawule wathi kuye, Mawusikelelwe nguYehova; ndilifezile ilizwi likaYehova. 14Wathi uSamuweli, Liyintoni na eli lizwi lempahla emfutshane lisezindlebeni zam, noku kukhonya kweenkomo ndikuvayo? 15Wathi uSawule, Zezi bavela nazo kuma-Amaleki; ngokuba abantu bayisindisile eyona ilungileyo impahla emfutshane neenkomo, ukuze babingelele kuYehova uThixo wakho; ezinye sazisingela phantsi.
16Wathi uSamuweli kuSawule, Yeka, ndikuxelele akuthethileyo uYehova kum ngobu busuku. Wathi kuye, Thetha. 17Wathi uSamuweli, Akubanga yintloko yezizwe zakwaSirayeli yini na, uzeyile wena? Wakuthambisa uYehova ukuba ngukumkani kumaSirayeli. 18UYehova wakuthuma ngendlela, wathi, Hamba uye kutshabalalisa aboni abo ama-Amaleki; ulwe nawo ude uwagqibe. 19Yini na ke ukuba ungaliphulaphuli ilizwi likaYehova, usuke uziphose emaxhobeni, wenze okubi emehlweni kaYehova?
20Wathi uSawule kuSamuweli, Hayi, ndiliphulaphule ilizwi likaYehova, ndahamba ngendlela abendithume ngayo uYehova, ndamzisa uAgagi ukumkani wama-Amaleki, ndawatshabalalisa ama-Amaleki. 21Besuka abantu bathabatha emaxhobeni: impahla emfutshane, neenkomo, neyona inentlahla kwizinto ezisingelwe phantsi, ukuze babingelele kuYehova, uThixo wakho, eGiligali. 22Wathi uSamuweli, UYehova unonelele amadini anyukayo nemibingelelo, ngangokuba enonelele ukuphulaphulwa kwezwi likaYehova, yini na? Yabona, ukuphulaphula kulungile ngaphezu kombingelelo, nokubaza iindlebe kulungile ngaphezu kwamanqatha eenkunzi zeegusha. 23Ngokuba ukuba neenkani kusisono esinjengokuvumisa, ubungqola bunjengenkonzo yezithixo nemilondekhaya. Ngenxa yokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye ukucekisile ukuba ungabi kumkani.
24Wathi uSawule kuSamuweli, Ndonile; ngokuba ndigqithile emthethweni kaYehova naselizwini lakho; kuba bendisoyika abantu, ndaphulaphula izwi labo. 25Khawusixolele ngoko isono sam; buya nam, ndiye ndimnqule uYehova. 26Wathi uSamuweli kuSawule, Andiyi kubuya nawe; ngokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye uYehova ukucekisile, ukuba ungabi kumkani kumaSirayeli.
27Wathi akuthi guququ uSamuweli ukuba emke, wabamba isondo lengubo yakhe yokwaleka, lakrazuka. 28Wathi uSamuweli kuye, UYehova ukukrazule kuwe namhla ubukumkani bakwaSirayeli, wabunika ummelwane wakho olungileyo kunawe. 29Kananjalo uQele-likaSirayeli akaxoki, akazohlwayi; ngokuba akangumntu ukuba azohlwaye. 30Wathi yena, Ndonile; wòsewundizukisa phambi kwamadoda amakhulu abantu bakowethu, naphambi kwamaSirayeli, ubuye nam, ndimnqule uYehova, uThixo wakho. 31Wabuya ke uSamuweli, walandela uSawule; uSawule wamnqula uYehova.
32Wathi uSamuweli, Mziseni apha kum uAgagi, ukumkani wama-Amaleki. Waya uAgagi kuye echwayithile. Wathi uAgagi, Inene, bugqithile ubukrakra bokufa. 33Wathi uSamuweli, Njengokuba ikrele lakho labahluthayo abafazi abantwana babo, úya kwenjiwa njalo unyoko phakathi kwabafazi, ukuhluthwa abantwana. USamuweli wamxhaxha uAgagi phambi koYehova eGiligali.
34Waya uSamuweli eRama; uSawule wenyuka waya endlwini yakhe eGibheha yakwaSawule. 35USamuweli akabuyanga abonane noSawule, kwada kwayimini yokufa kwakhe; kuba uSamuweli wamlilela uSawule.
Wazohlwaya uYehova ngenxa yokuba ebemenze uSawule ukumkani kwaSirayeli.

Currently Selected:

USAMUWELI I 15: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena