OOKUMKANI I 9
9
Impendulo kaThixo kumthandazo kaSolomon
1Kwathi, akugqiba uSolomon ukuyakha indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nako konke abekulangazelele uSolomon, abenqwenela ukwenza kona, 2wabonakala uYehova kuSolomon okwesibini, njengoko wayebonakele kuye eGibheyon.
3Wathi uYehova kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho nokutarhuzisa kwakho otarhuzise ngako phambi kwam. Ndiyingcwalisile ke le ndlu uyakhileyo, ukuba libekwe khona igama lam kude kuse ephakadeni; aya kuba khona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke. 4Wena ke, ukuba uthe wahamba phambi kwam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ngentliziyo egqibeleleyo, nangokuthe tye, ukuba ukwénze konke endikumisileyo, ugcine imimiselo yam namasiko am: 5ndoyimisa itrone yobukumkani bakho phezu kwamaSirayeli ngonaphakade, njengoko ndakuthethayo kuDavide uyihlo, ndisithi, Akuyi kunqunyukelwa ndoda etroneni yakwaSirayeli.
6Ukuba ke nithe nabuya nabuya ekundilandeleni, nina noonyana benu, anayigcina imithetho yam nemimiselo yam, endiyibeke phambi kwenu, naya nakhonza thixo bambi, naqubuda kubo: 7ndowanqamla amaSirayeli emhlabeni endiwanikileyo; nale ndlu, ndiyingcwaliséle igama lam, ndoyilahla ebusweni bam, amaSirayeli abe ngumzekeliso nento yentsini ezizweni zonke. 8Nale ndlu noko iphezulu nje, bomangaliswa benze umsondlo bonke abadlulayo kuyo, bathi, Yini na ukuba uYehova enjenje kweli lizwe, nakule ndlu? 9Bathi ke, Kungenxa yokuba bamshiyáyo uYehova uThixo wabo, owakhupha ooyise ezweni lamaYiputa; babambelela thixweni bambi, babanqula, babakhonza; kungenxa yoko abuzisileyo bonke obu bubi phezu kwabo uYehova.
Imicimbi kaSolomon noHiram ukumkani
10Kwathi ekupheleni kweminyaka emashumi mabini, awazakha ngayo uSolomon izindlu zombini, indlu kaYehova nendlu kakumkani 11(uHiram ukumkani waseTire ebemncedile uSolomon ngemisedare• nangemisipres,• nangegolide, ngangoko abekunqwenele), ukumkani uSolomon wamnika uHiram amashumi amabini emizi ezweni leGalili. 12Waphuma uHiram eTire, eya kuyibona imizi uSolomon abemnike yona: àyalunga emehlweni akhe. 13Wathi, Yimizi mini na le undinikileyo, mzalwana wam? Wathi, Lilizwe laseKabhuli• unanamhla. 14UHiram wayethumele kukumkani ikhulu elinamanci mabini eetalente• zegolide.
15Siso esi isizathu sokufakwa uviko awasimisayo ukumkani uSolomon, ukuba akhe indlu kaYehova, nendlu yakhe, neMilo, nodonga lweYerusalem, neHatsore, neMegido, neGezere. 16Kwakunyuké uFaro ukumkani waseYiputa, wayithimba iGezere, wayitshisa ngomlilo, wawabulala amaKanan abehleli kuloo mzi, wayinika intombi yakhe, umkaSolomon, yaba yinqakwe. 17USolomon wayakha ke iGezere, neBhetehoron yasezantsi; 18neBhahalati, neTademore esentlango kwelo zwe; 19nemizi engoovimba abenayo uSolomon, nemizi yeenqwelo, nemizi yabamahashe, nokulangazelela kukaSolomon awakulangazelelayo ukwakha eYerusalem, naseLebhanon, nasezweni lonke lolawulo lwakhe. 20Bonke abantu abaseleyo kuma-Amori, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ababengengabo abakoonyana bakaSirayeli, 21oonyana babo abasala emva kwabo ezweni, ababengenako oonyana bakaSirayeli ukubasingela phantsi, wabahlahla uSalomon, ukuba babe ngamakhoboka afakwa uviko unanamhla.
22Ke koonyana bakaSirayeli uSolomon akenzanga khoboka; kuba bona baba ngamadoda akhe okulwa, nabakhonzi bakhe, nabathetheli bakhe, nabaphathimikhosi bakhe, nabathetheli beenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe. 23Abo bathetheli babengabongameli abaphezu komsebenzi kaSolomon; babengamakhulu amahlanu anamanci mahlanu, ababenobukhosi ebantwini abenza loo msebenzi.
24Yathi yakuthi ukunyuka intombi kaFaro, iphuma emzini kaDavide, isiza endlwini yayo abeyakhele, waqala wayakha iMilo.
25USolomon ubenyusa kathathu ngomnyaka amadini anyukayo, nemibingelelo yokubulela, esibingelelweni abesakhele uYehova, aqhumisele kweso siphambi koYehova. Wayigqiba indlu.
26Ukumkani uSolomon wenza isinqanawa e-Etsiyon-gebhere, ese-Eloti, elunxwemeni loLwandle oluBomvu,• ezweni lakwaEdom. 27UHiram wathuma ke ngesinqanawa eso abakhonzi bakhe, amadoda eenqanawa, alwaziyo ulwandle, ndawonye nabakhonzi bakaSolomon. 28Baya kwaOfire, bathabatha khona igolide, amakhulu amané anamanci mabini eetalente, bazisa kukumkani uSolomon.
Currently Selected:
OOKUMKANI I 9: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.