1
IsiThyilelo IsiThyilelo 8:1
Contemporary Xhosa Bible 2024
Xa yalivulayo elesixhenxe itywina, kwabakho ukuzola ezulwini, kwangathi sisiqingatha seyure.
Thelekisa
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 8:1
2
IsiThyilelo IsiThyilelo 8:7
Esokuqala isithunywa savuthela ixilongo, kwabakho isichotho nomlilo, ziphithikezwe negazi, zaphoswa emhlabeni, saza isahlulo sesithathu semithi satsha, nayo yonke ingca eluhlaza yatsha yatsha.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 8:7
3
IsiThyilelo IsiThyilelo 8:13
Ndabona, ndasiva isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini sezulu, sisithi ngezwi elikhulu, Yeha, yeha, yeha, abo bawumiyo umhlaba, ngenxa yezinye izandi zamaxilongo ezithunywa zezulu ezithathu, ezisahleliyo, ukuvakala!
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 8:13
4
IsiThyilelo IsiThyilelo 8:8
Sathi esesibini isithunywa savuthela ixilongo, kwanga kuphoswa intaba enkulu, isitsha ngumlilo elwandle, saza isahlulo sesithathu solwandle saba ligazi
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 8:8
5
IsiThyilelo IsiThyilelo 8:10-11
Sathi esesithathu isithunywa savuthela ixilongo, kwawa inkwenkwezi enkulu ezulwini, ivutha ngathi sisibane, yawa phezu kwesahlulo sesithathu semilambo naphezu kwemithombo yamanzi. Igama lenkwenkwezi leyo kuthiwa nguMhlonyane; saza isahlulo sesithathu samanzi saba ngumhlonyane; into eninzi yabantu yafa ngawo amanzi, ngokuba aba krakra.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 8:10-11
6
IsiThyilelo IsiThyilelo 8:12
Sathi esesine isithunywa savuthela ixilongo, saza sabethwa isahlulo sesithathu selanga, nesahlulo sesithathu senyanga, nesahlulo sesithathu seenkwenkwezi; njengokuba isahlulo sesithathu sazo saba mnyama, yathi isahlulo sesithathu sayo imini ayikhanyi, kwangokunjalo nobusuku.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 8:12
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo