1
UISAYA 1:18
IBHAYIBHILE
Ewe, uNdikhoyo uthi: “Yizani, khe sithetha-thethane. Noba sewudyobheke wankone sisono, mna ndokuhlambulula utsho ube msulwa; kanti nokuba sewuyinyhuku-nyhuku, mna ndiya kukwenza ube mhlophe qhwa.
Thelekisa
Phonononga UISAYA 1:18
2
UISAYA 1:19
Ukuba niyavuma ukundithobela, ningabuxhamla ubuncwane beli lizwe.
Phonononga UISAYA 1:19
3
UISAYA 1:17
Khanifunde ukwenza okusesikweni; zonke izinto zenzeni ngokomthetho. Khaninyenyise ngakubantu abacinezelekileyo; kanti neenkedama zilungiseleleni; ngokunjalo nimbonelele nomhlolokazi.”
Phonononga UISAYA 1:17
4
UISAYA 1:20
Kambe ke xa ningafuni, nindivukela, niza kusuka nibe lixhoba lekrele. Nditshilo nje ke mna Ndikhoyo, nditshilo!”
Phonononga UISAYA 1:20
5
UISAYA 1:16
Khanizicoce nibe nyulu! Yahlukanani nale mikhwa ingcolileyo; yekani ukwenza izinto ezinje; mandingaze ndiphinde ndizibone.
Phonononga UISAYA 1:16
6
UISAYA 1:15
“Nakukhongozela ngezandla nizibika, mna ndosuka ndiwavale amehlo am. Noba ningade nibhomboloze, andiyi kunikhathalela mpela; kaloku izandla zenu zinkone ligazi.
Phonononga UISAYA 1:15
7
UISAYA 1:13
Andizifuni izipho namadini aphuthileyo, kwankqu nesiqhumiso senu siyanditsarha! Andinamdla kwiimbizo neentlanganiso zenu zokuthwasa kwenyanga *noMhla wokuPhumla; amatheko anobugwenxa andikruqule.
Phonononga UISAYA 1:13
8
UISAYA 1:3
Kambe ke yona inkomo iyamaz' umniniyo, ngokunjalo nedonki iyasazi isibaya sayo. Ukanti ke yena uSirayeli uvalekile; ewe, abantu bam abazi nto tu!”
Phonononga UISAYA 1:3
9
UISAYA 1:14
“Ndiyawenyanya onke amatheko enu; nditsho nala okuthwasa kwenyanga. Kaloku ngoku asuke aluxanduva, ndaye ke ndidiniwe kukuluthwala.
Phonononga UISAYA 1:14
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo