Wathi uEli kuye: “Hamba wena, yiya kulala. Xa ubuye weva ubizwa, uze uthi: ‘Thetha, Ndikhoyo; isicaka sakho siphulapule.’ ” Waya kulala ke uSamweli emandlalweni wakhe.
Waza uNdikhoyo weza wema apho, wabiza kwakhona esithi: “Samweli! Samweli!”
Wasabela uSamweli wathi: “Thetha; siphulaphule isicaka sakho.”