1
1 KASAMWELI 15:22
IBHAYIBHILE
Uqhube wenjenje uSamweli: “Ngaba yintoni emkholisayo uNdikhoyo: kukumthobela, okanye kukumenzela iminikelo namadini? Ukuthobela uNdikhoyo kubhetele kunokumenzela idini, nokuphulaphula kungcono kunamanqatha enkunzi!
Thelekisa
Phonononga 1 KASAMWELI 15:22
2
1 KASAMWELI 15:23
Ukumvukela uNdikhoyo nqwa nobugqwirha. Kanti nempakamo ifana nqwa nokunqula izithixo ngobubi. Ngenxa yokuba wena ulikhabile ilizwi likaNdikhoyo, naye ke uNdikhoyo uyakukhiqa ekulawuleni.”
Phonononga 1 KASAMWELI 15:23
3
1 KASAMWELI 15:29
USimakade uThixo kaSirayeli akaxoki yena, yaye akaguquguquki. Kaloku akangomntu ulala neli avuke neli.”
Phonononga 1 KASAMWELI 15:29
4
1 KASAMWELI 15:11
“Ndiyazisola ngokumenza ukumkani uSawule lo. Selenxaxhile kum ngokungawuthobeli umyalelo wam.” Wakhathazeka kakhulu uSamweli yile nto. Wahlala ubusuku bonke ezibika kuNdikhoyo.
Phonononga 1 KASAMWELI 15:11
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo