1
ISITYHILELO 19:7
IZIBHALO EZINGCWELE
Masivuye sigcobe, siyizukise; Ngokuba ufikile umsitho weMvana, Umfazi wayo uzilungisile.
Thelekisa
Phonononga ISITYHILELO 19:7
2
ISITYHILELO 19:16
Engutyeni yakhe nasethangéni lakhe wayenegama libhaliwe kwathiwa, UKUMKANI KAKUMKANI, UNKOSI KANKOSI.
Phonononga ISITYHILELO 19:16
3
ISITYHILELO 19:11
Ndalibona izulu livulekile, nalo ihashe elimhlophe; lowo uhleli phezu kwalo kusithiwa, nguThembekile, nguNyaniso; ugweba, enze imfazwe, ngobulungisa.
Phonononga ISITYHILELO 19:11
4
ISITYHILELO 19:12-13
Amehlo akhe ke aye enjengelangatye lomlilo, entloko izizithsaba ezininzi; enegama libhaliwe, elingàziwa namnye ungenguye. Yena wayethiwe wambu ngengubo ethiwe nkxu egazini; igama lakhe kuthiwa nguLizwi likaThixo.
Phonononga ISITYHILELO 19:12-13
5
ISITYHILELO 19:15
Emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elibukhali, ukuze azithi qwaka ngalo iintlanga. Yena uya kuzalúsa ngentonga yentsimbi; yena unyathela isixovulelo sewayini yomsindo neyengqumbo kaThixo uSomandla.
Phonononga ISITYHILELO 19:15
6
ISITYHILELO 19:20
Labanjwa ke irhamncwa; kunye nalo kwabanjwa umprofeti obuxoki, lowo wayenzayo imiqondiso emehlweni alo, wabalahlekisa ngayo abo balwamkeláyo uphawu lwerhamncwa, nabo báqubuda kuwo umfanekiselo walo; baphoswa behleli abo bobabini edikeni lomlilo elivutha isulfure.
Phonononga ISITYHILELO 19:20
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo