1
UISAYA 1:18
IZIBHALO EZINGCWELE
Khanize sibonisane, utsho uYehova; nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha.
Thelekisa
Phonononga UISAYA 1:18
2
UISAYA 1:19
Ukuba nithe navuma naphulaphula, nodla izinto ezilungileyo zelizwe
Phonononga UISAYA 1:19
3
UISAYA 1:17
fundani ukwenza okulungileyo; khathalelani ukugweba; lulekani isibhovubhovu; gwebani ityala lenkedama; lithetheni ityala lomhlolokazi.
Phonononga UISAYA 1:17
4
UISAYA 1:20
ukuba nithe ànavuma, naba neenkani, nodliwa likrele; kuba umlomo kaYehova uthethile.
Phonononga UISAYA 1:20
5
UISAYA 1:16
Zihlambeni, ziqaqambiseni; susani ububi beentlondi zenu phambi kwamehlo am; yekani ukwenza ububi
Phonononga UISAYA 1:16
6
UISAYA 1:15
Ekoluleni kwenu izandla zenu, ndiya kuwafihla amehlo am kuni; nokuba nandise ukuthandaza, andiyi kuva; izandla zenu zizele ngamagazi.
Phonononga UISAYA 1:15
7
UISAYA 1:13
Nize ningàphindi nizise mnikelo wakudla ukhohlakeleyo; isiqhumiso silisikizi kum; ukuthwasa kwenyanga, nesabatha, nokumema intlanganiso, ubutshinga kunye nengqungquthela, andinakubuthwala.
Phonononga UISAYA 1:13
8
UISAYA 1:3
Inkomo iyamazi umniniyo, ne-esile liyawazi umkhombe wesitali senkosi yalo; ke yena uSirayeli akazi, abantu bam abaqiqi.
Phonononga UISAYA 1:3
9
UISAYA 1:14
Ukuthwasa kweenyanga zenu, namaxesha enu amisiweyo, umphefumlo wam uwathiyile; asuka aba bubunzima kum; ndidiniwe kukuwathwala.
Phonononga UISAYA 1:14
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo