1
KUMAHEBHERE 8:12
IZIBHALO EZINGCWELE
Ngokuba ndiya kukuxolela ukungalungisi kwabo, Nezono zabo, nokuchasa kwabo umthetho, ndingabi sakukhumbula. (UYer. 31:31-34)
Thelekisa
Phonononga KUMAHEBHERE 8:12
2
KUMAHEBHERE 8:10
Ngokuba nangu wona umnqophiso, endiya kuwenzela indlu kaSirayeli Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi: Ndiya kuthi, ndiyibeke imithetho yam engqondweni yabo, Ndiyibhale ezintliziyweni zabo, Ndibe nguThixo kubo, Nabo babe ngabantu kum.
Phonononga KUMAHEBHERE 8:10
3
KUMAHEBHERE 8:11
Kanjalo abayi kukha bafundise elowo ummelwane wakhe, Elowo umzalwana wakhe, esithi, Yazi iNkosi; Ngokuba baya kundazi bonke, Bethabathela komncinane wabo, base komkhulu wabo.
Phonononga KUMAHEBHERE 8:11
4
KUMAHEBHERE 8:8
Kuba uthi kubo, esola, Yabona, kuza imihla, itsho iNkosi, Endiya kuzalisekisa phezu kwendlu kaSirayeli, naphezu kwendlu kaYuda, umnqophiso omtsha
Phonononga KUMAHEBHERE 8:8
5
KUMAHEBHERE 8:1
Ke kaloku, eyona nto iyintloko kwezi zinto zithethwayo yile: Sinombingeleli omkhulu onje, othe wahlala phantsi ngasekunene kwetrone yobuKhulu emazulwini
Phonononga KUMAHEBHERE 8:1
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo