1
OOKUMKANI II 4:2
IZIBHALO EZINGCWELE
Wathi uElisha kuye, Ndikwènzele ntoni na? Ndíxelele, unantoni na endlwini? Wathi, Umkhonzazana wakho akananto endlwini, kuphela ligubu leoli.
Thelekisa
Phonononga OOKUMKANI II 4:2
2
OOKUMKANI II 4:1
Ke kaloku umfazi othile kubafazi boonyana babaprofeti wakhala kuElisha, esithi, Umkhonzi wakho indoda yam ifile. Ùyazi wena ukuba umkhonzi wakho lowo ebemoyika uYehova; ke umboleki-mali uze kubathabathela kuye oonyana bam bobabini, ukuba babe ngamakhoboka.
Phonononga OOKUMKANI II 4:1
3
OOKUMKANI II 4:3
Wathi, Hamba uye kuzibolekela izitya ngaphandle, kubamelwane bakho bonke, izitya ezizé; zingabi mbalwa
Phonononga OOKUMKANI II 4:3
4
OOKUMKANI II 4:4
ungene, uzivalele wena noonyana bakho, uthululele kwezo zitya zonke, uzishenxise ezizeleyo.
Phonononga OOKUMKANI II 4:4
5
OOKUMKANI II 4:6
Kwathi, zakuzala izitya, wathi kunyana wakhe, Zisa esinye isitya kum. Wathi yena kuye, Akusekho sitya: yanqamka ke ioli.
Phonononga OOKUMKANI II 4:6
6
OOKUMKANI II 4:7
Waya waxelela umfo wakwaThixo; wathi yena, Hamba uye kuthengisa ngeoli leyo, uhlawule ityala lakho, uphile wena noonyana bakho ngeseleyo.
Phonononga OOKUMKANI II 4:7
7
OOKUMKANI II 4:5
Wemka ke kuye, wazivalela, yena noonyana bakhe; bezisa kuye bona, wathulula yena.
Phonononga OOKUMKANI II 4:5
8
OOKUMKANI II 4:34
Wenyuka, walala phezu komntwana lowo, wabeka umlomo wakhe phezu komlomo wakhe, amehlo akhe phezu kwamehlo akhe, izandla zakhe phezu kwezandla zakhe, wazolula phezu kwakhe; yafudumala inyama yomntwana.
Phonononga OOKUMKANI II 4:34
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo