IziCwangciso zokuFunda zasimahla kunye nokuzinikela okunxulumene ne UMARKO 1:35
Imithandazo kaYesu
Iintsuku ezintlanu
Siyakuqonda ukubaluleka konxibelelwano kubudlelwano, ngoko ke, nasebudlelwaneni bethu noThixo kuyafana. UThixo ufuna sithethe naye emthandazweni- le yingqeqesheko eyayiboniswa nanguNyana wakhe, uYesu. Kwesisicwangciso uzakufunda kumzekelo kaYesu, kwaye izakukwenza ukuba uphume ekuxakekeni kobomi uzivele ngokwakho amandla kunye nenkokhelo efumaneka emthandazweni.
Imigaqo Yokusebenzisa Ixesha Evela KwiLizwi LikaThixo
Iintsuku ezi-6
Ngaba ukhathazwa kukuba akukho ngaphezu kweeyure ezingama-24 ngosuku? Wonganyelwe linani leeprojekthi ekufuneka uzenzile? Ngaba udinwe kukudinwa nokungabi naxesha laneleyo lokulichitha eLizwini likaThixo nabahlobo nentsapho yakho? Le isenokuba yeyona mizabalazo ixhaphakileyo ehlabathini. Iindaba ezimnandi zezokuba iBhayibhile inikela imigaqo ecacileyo yokulisebenzisa kakuhle ixesha lethu. Esi sicwangciso siya kucacisa ezo ziBhalo kwaye sikunike ingcebiso esebenzayo malunga nokuba ungalisebenzisa njani ixesha elishiyekileyo ebomini bakho!