1
I‐Genesise 1:26-27
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Wayesiti UTIXO: Masenze umntu ngomfanekiso wetu, njengemfuzo yetu; mababe nobukosi pezu kwentlanzi zolwandle, napezu kwentaka zezulu, napezu kwenkomo, napezu kwawo wonke umhlaba, napezu kwazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba. Waza UTIXO wadala umntu ngowake umfanekiso; wamdala ngomfanekiso KATIXO: wabadala indoda nomfazi.
Primerjaj
Explore I‐Genesise 1:26-27
2
I‐Genesise 1:28
Waye UTIXO wabatamsanqela, wati UTIXO kubo: Cumani, nande, nizalise umhlaba, niwoyise; yibani nobukosi pezu kwentlanzi zolwandle, napezu kwentaka zezulu, napezu kwazo zonke izilo ezishukumayo pezu kwomhlaba.
Explore I‐Genesise 1:28
3
I‐Genesise 1:1
EKUQALEKENI wadala UTIXO izulu nomhlaba.
Explore I‐Genesise 1:1
4
I‐Genesise 1:2
KEKALOKU umhlaba wabugxwayiba, wauzé kanjalo: kwabako nobumnyama ebusweni benzulu. Waye u‐Moya KATIXO wazamazama pezu kwobuso bamanzi.
Explore I‐Genesise 1:2
5
I‐Genesise 1:3
Wayesiti UTIXO: Makubeko ukukanya; kwaza kwabako ukukanya.
Explore I‐Genesise 1:3
6
I‐Genesise 1:31
Waye UTIXO wabona konke abekwenzile, kekaloku bona ke, kwakulungile kunene. Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wesitandatu.
Explore I‐Genesise 1:31
7
I‐Genesise 1:4
Waye UTIXO wabona ukukanya ukuba kulungile; waza UTIXO wenza isahlulo pakati kwokukanya nobumnyama.
Explore I‐Genesise 1:4
8
I‐Genesise 1:29
Wayesiti UTIXO: Bona ke, ndinipile yonke imifuno inika imbewu, epezu kwobuso bomhlaba wonke, nayo yonke imiti ekukuyo isiqa̔mo somti sinika imbewu: yoba yinto yokutya kuni.
Explore I‐Genesise 1:29
9
I‐Genesise 1:5
Wati UTIXO ukutiya ukukanya, yimini; wati nokutiya ubumnyama, bubusuku. Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wokuqala.
Explore I‐Genesise 1:5
10
I‐Genesise 1:6
Wayesiti UTIXO: Makubeko isibakabaka pakati kwamanzi, size sibe sisahlulo pakati kwamanzi namanzi.
Explore I‐Genesise 1:6
11
I‐Genesise 1:30
Nakuzo zonke izilo zomhlaba, nakuzo zonke intaka zezulu, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni, ekukuzo ubomi, ndipile yonke imifuno eluhlaza ibe kukutya. Kwaye kunjalo ke.
Explore I‐Genesise 1:30
12
I‐Genesise 1:14
Wayesiti UTIXO: Makubeko izikanyiso esibakabakeni sezulu, zize zisenze isahlulo pakati kwemini nobusuku; mazibe zizo ezemiqondiso, nezamaxesha amiselweyo, nezemihla, nezeminyaka
Explore I‐Genesise 1:14
13
I‐Genesise 1:11
Wayesiti UTIXO: Umhlaba mauvelise inca, nomfuno unika imbewu, nomti wokuqa̔ma, uhlanza isiqa̔mo ngemmilo yawo, ombewu ipakati kwawo, pezu kwomhlaba. Kwaye kunjalo ke.
Explore I‐Genesise 1:11
14
I‐Genesise 1:7
Waza UTIXO wasenza isibakabaka, wawahlula amanzi abengapantsi kwesibakabaka, kuwo amanzi abengapezu kwesibakabaka. Kwaye kunjalo ke.
Explore I‐Genesise 1:7
15
I‐Genesise 1:12
Umhlaba wavelisa inca, nomfuno unika imbewu ngemmilo yawo, nomti uhlanza isiqa̔mo, ombewu ipakati kwawo, ngemmilo yawo. Waye UTIXO wabona ukuba kulungile.
Explore I‐Genesise 1:12
16
I‐Genesise 1:16
Wazenza UTIXO zazibini izikanyiso ezikulu; eso sikulu isikanyiso ukuba sipate imini, neso sincinane isikanyiso ukuba sipate ubusuku; wazenza nenkwenkwezi.
Explore I‐Genesise 1:16
17
I‐Genesise 1:9-10
Wayesiti UTIXO: Amanzi angapantsi kwezulu makahlanganiselwe endaweni inye, kuze kubonakale okwomileyo. Kwaye kunjalo ke. Wati UTIXO ukutiya okwomileyo, ngumhlaba; wati nokutiya ukuhlanganisana kwamanzi, zilwandle. Waye UTIXO wabona ukuba kulungile.
Explore I‐Genesise 1:9-10
18
I‐Genesise 1:22
Waza UTIXO wazitamsanqela, esiti: Cumani, nande, nizalise amanzi akuzo ilwandle; nentaka mazande emhlabeni.
Explore I‐Genesise 1:22
19
I‐Genesise 1:24
Wayesiti UTIXO: Umhlaba mawuvelise izinto ezinokudliwa kwobomi ngemmilo yazo, inkomo, nento ezinambuzelayo, nezilo zomhlaba, ngemmilo yazo. Kwaye kunjalo ke.
Explore I‐Genesise 1:24
20
I‐Genesise 1:20
Wayesiti UTIXO: Amanzi makakolise ukuvelisa izilwana ezinokudliwa kwobomi; nentaka mazipapazele pezu kwomhlaba esibakabakeni sezulu.
Explore I‐Genesise 1:20
21
I‐Genesise 1:25
Wenza UTIXO izilo zomhlaba ngemmilo yazo, nenkomo ngemmilo yazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngemmilo yazo. Waye UTIXO wabona ukuba kulungile.
Explore I‐Genesise 1:25
Home
Bible
Plans
Videos