1
EYEZIQALO 15:6
IBHAYIBHILE
UAbram walibeka kuNdikhoyo ithemba lakhe, waza ngenxa yoko wenziwa ilungisa.
Compare
EYEZIQALO 15:6ਪੜਚੋਲ ਕਰੋ
2
EYEZIQALO 15:1
Emva koku uAbram waba nombono apho weva *uNdikhoyo esithi: “Uze ungoyiki, Abram, ndim oya kukukhusela; ikwandim oya kukubonelela kanobom.”
EYEZIQALO 15:1ਪੜਚੋਲ ਕਰੋ
3
EYEZIQALO 15:5
UNdikhoyo wamkhuphela ngaphandle kwendlu uAbram, wathi: “Khangela esibhakabhakeni, uzibale iinkwenkwezi ezilapho, ukuba ungaba nako. Boba baninzi kangako abazukulwana bakho.”
EYEZIQALO 15:5ਪੜਚੋਲ ਕਰੋ
4
EYEZIQALO 15:4
Uthe ke uNdikhoyo ebhekisa kuAbram: “UElizere akayi kuba yindlalifa yakho. Ngunyana wakho nqo oya kuba yindlalifa yakho.”
EYEZIQALO 15:4ਪੜਚੋਲ ਕਰੋ
5
EYEZIQALO 15:13
UNdikhoyo wathi kuye: “Inzala yakho iya kuba ngabangeneleli kumhlaba wasemzini, uze uyazi loo nto. Apho baya kuba ngamakhoboka, baphathwe gadalala amakhulu amane eminyaka.
EYEZIQALO 15:13ਪੜਚੋਲ ਕਰੋ
6
EYEZIQALO 15:2
Uphendule wathi uAbram: “Mhlekazi Ndikhoyo, iya kundinceda ntoni loo nto? Yintoni ongandibonelela kuyo ndingenabantwana nje? Nàlo uza kuba yindlalifa yam nguElizere waseDamasko.”
EYEZIQALO 15:2ਪੜਚੋਲ ਕਰੋ
7
EYEZIQALO 15:18
Waza ke uNdikhoyo wathi kuAbram esenza umnqophiso: “Ndiyathembisa ukuba wonke lo mhlaba, ukususela kwimida yeJiputa kuye kuthi xhaxhe ngomlambo iEfrati, ndiza kuwunika inzala yakho
EYEZIQALO 15:18ਪੜਚੋਲ ਕਰੋ
8
EYEZIQALO 15:16
Inzala yakho yobuyela apha emva kwezizukulwana ezine. Kaloku andiyi kuwakhupha kwangoku ama-Amori, bude buzaliseke ubugwenxa bawo.”
EYEZIQALO 15:16ਪੜਚੋਲ ਕਰੋ
Home
ਬਾਈਬਲ
Plans
ਵੀਡੀਓ