1
ULUKA 17:19
IBHAYIBHILE
Wathi kwindoda leyo: “Phakama, uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”
Харьцуулах
ULUKA 17:19 г судлах
2
ULUKA 17:4
Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi: ‘Ndiv' intw' embi, ndixolele;’ wena uze umxolele.”
ULUKA 17:4 г судлах
3
ULUKA 17:15-16
Yathi enye kuwo, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imncoma kakhulu uThixo; yaza yaziphosa ezinyaweni zikaYesu, ibulela kuye. Le ndoda yayingumSamariya.
ULUKA 17:15-16 г судлах
4
ULUKA 17:3
Zilumkeleni. “Ukuba uwenu uthe wakona, mkhalimele; ke ukuba uthe wazohlwaya, mxolele.
ULUKA 17:3 г судлах
5
ULUKA 17:17
Waza ke uYesu wathi: “Bekungahlanjululwanga balishumi na? Baphi na ke abalithoba?
ULUKA 17:17 г судлах
6
ULUKA 17:6
Ke iNkosi yathi: “Ukuba beninokholo olungangokhozo lwembewu yemostade, beninokuthi kulo mthi: ‘Ncothuka, umiliseleke phakathi elwandle;’ uze unive.”
ULUKA 17:6 г судлах
7
ULUKA 17:33
Umntu ofuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe wabulahla, uya kubulondoloza.
ULUKA 17:33 г судлах
8
ULUKA 17:1-2
UYesu wathi kubafundi bakhe: “Azinakungehli izinto ezibakhubekisayo abantu; kodwa hayi ilishwa laloo mntu kuza ngaye ukukhubekisa! Kunokuba akhubekise nokuba mnye kwaba bancinane, ngekumlungele kanye ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni, aphoswe elwandle.
ULUKA 17:1-2 г судлах
9
ULUKA 17:26-27
Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, koba kwanjalo ngemihla yakhe uNyana woLuntu. Babesidla, besela, bezeka, besendisa, kwada kwangumhla wokungena kukaNowa enqanaweni; wafika unogumbe, wabatshabalalisa bonke.
ULUKA 17:26-27 г судлах
Нүүр хуудас
Библи
Тѳлѳвлѳгѳѳ
Видео