1
UYOHANE 4:24
IBHAYIBHILE
UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo kufuneka bamnqule ngoMoya benyanisekile.”
Харьцуулах
UYOHANE 4:24 г судлах
2
UYOHANE 4:23
Kodwa kuza ixesha, kwaye selikho, abaya kuthi ngalo abanquli benene bamnqule ngoMoya benyanisile uBawo, kuba uBawo ufuna abantu abamkhonza ngolo hlobo.
UYOHANE 4:23 г судлах
3
UYOHANE 4:14
Ke yena othe wawasela amanzi endiya kumpha wona mna, soze anxanwe naphakade. Amanzi endiya kumnika wona, aya kuba ngumthombo ompompoza kuye, emnika obona bomi bungenasiphelo.”
UYOHANE 4:14 г судлах
4
UYOHANE 4:10
Waphendula uYesu wathi kuye: “Ukuba ubusazi isipho uThixo afuna ukukupha sona, ùmazi ukuba ngubani na lo ucela amanzi kuwe, ngewucele kuye wena, aze yena akuphe amanzi aphilileyo.”
UYOHANE 4:10 г судлах
5
UYOHANE 4:34
UYesu wathi kubo: “Ukwenza ukuthanda kwalowo undithumileyo kukutya kwam, ndide ndiwufeze umsebenzi wakhe.
UYOHANE 4:34 г судлах
6
UYOHANE 4:11
Umfazi lowo wathi kuye: “Nkosi, akunanto yakukha, nequla linzulu; ungawafumana phi ke amanzi aphilileyo?
UYOHANE 4:11 г судлах
7
UYOHANE 4:25-26
Loo mfazi wathi kuye: “Ndiyazi ukuba *uMesiya, ekuthiwa *nguKrestu, uyeza. Wothi ke akufika asixelele konke.” UYesu wathi kuye: “Nguye kanye lo uthetha nawe.”
UYOHANE 4:25-26 г судлах
8
UYOHANE 4:29
“Yizani nibone; nanku umntu ondixelele zonke izinto endakha ndazenza. Akangebi *nguKrestu na?”
UYOHANE 4:29 г судлах
Нүүр хуудас
Библи
Тѳлѳвлѳгѳѳнүүд
Бичлэгүүд