1
UYOHANE 15:5
IBHAYIBHILE
“Ndim umdiliya; nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam.
Харьцуулах
UYOHANE 15:5 г судлах
2
UYOHANE 15:4
Hlalani nimanyene nam, njengokuba nam ndihleli ndimanyene nani. Kaloku isebe alinako ukuvelisa isiqhamo ngokwalo lingahlalanga limanyene nomdiliya. Ngokukwanjalo ke nani aninakuvelisa siqhamo ningahlalanga nimanyene nam.
UYOHANE 15:4 г судлах
3
UYOHANE 15:7
Xa nihleli nimanyene nam, nisoloko nisenza ngokwamazwi am, nocela nantoni na ke eniyifunayo, niyifumane.
UYOHANE 15:7 г судлах
4
UYOHANE 15:16
Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.
UYOHANE 15:16 г судлах
5
UYOHANE 15:13
Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.
UYOHANE 15:13 г судлах
6
UYOHANE 15:2
Onke amasebe akum angavelisi siqhamo uyawasusa; onke avelisa isiqhamo uyawathena, ukuze avelise isiqhamo ngakumbi.
UYOHANE 15:2 г судлах
7
UYOHANE 15:12
Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo.
UYOHANE 15:12 г судлах
8
UYOHANE 15:8
Udumo lukaBawo luyatshatshela xa nivelisa iziqhamo ezininzi, nisenjenjalo kuba ningabafundi bam.
UYOHANE 15:8 г судлах
9
UYOHANE 15:1
“Mna ndingumdiliya wenene; umlimi wawo nguBawo.
UYOHANE 15:1 г судлах
10
UYOHANE 15:6
Ongahlali emanyene nam uyalahlwa, afane nesebe elilahliweyo laza loma. Amasebe anjalo ayaqokelelwa, aphoswe emlilweni atshe.
UYOHANE 15:6 г судлах
11
UYOHANE 15:11
“Ezi zinto ndizithethe kuni ukuze nibe novuyo enilunikwe ndim, luze uvuyo lwenu lugqibelele.
UYOHANE 15:11 г судлах
12
UYOHANE 15:10
Xa niyigcina imiyalelo yam, noba nihlala nikholose ngokuthandwa ndim. Xelisani mna endiyilulameleyo imiyalelo kaBawo, ndihlala ndikholose ngokuthandwa nguye.
UYOHANE 15:10 г судлах
13
UYOHANE 15:17
Ndiniwisela lo mthetho ke: ‘Thandanani!’ ”
UYOHANE 15:17 г судлах
14
UYOHANE 15:19
Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi ngelinithanda okwabalo. Kodwa aningabo abehlabathi, kuba mna ndaninyula kulo ihlabathi. Kungoko linithiyileyo ihlabathi.
UYOHANE 15:19 г судлах
Нүүр хуудас
Библи
Тѳлѳвлѳгѳѳ
Видео