1
uLuka uLuka 11:13
Contemporary Xhosa Bible 2024
Ukuba ke ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?
ប្រៀបធៀប
រុករក uLuka uLuka 11:13
2
uLuka uLuka 11:9
Nam ndithi kuni, Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa.
រុករក uLuka uLuka 11:9
3
uLuka uLuka 11:10
Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.
រុករក uLuka uLuka 11:10
4
uLuka uLuka 11:2
Wathi kubo, Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.
រុករក uLuka uLuka 11:2
5
uLuka uLuka 11:4
Sixolele izono zethu; kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekuhendweni; usihlangule ebubini.
រុករក uLuka uLuka 11:4
6
uLuka uLuka 11:3
Siphe imihla ngemihla isonka sethu semihla ngemihla.
រុករក uLuka uLuka 11:3
7
uLuka uLuka 11:34
Isibane somzimba liliso. Xa sukuba iliso lakho lingenakumbi, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; kodwa xa sukuba iliso lakho lingendawo, umzimba wakho uba bubumnyama.
រុករក uLuka uLuka 11:34
8
uLuka uLuka 11:33
Akukho ke uthi, esibanekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, nokuba kuphantsi kwesitya; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangenayo bakubone ukukhanya.
រុករក uLuka uLuka 11:33
ទំព័រដើម
ព្រះគម្ពីរ
គម្រោងអាន
វីដេអូ