1
IGENESIS 9:12-13
IZIBHALO EZINGCWELE
Wathi uThixo, Nguwo lo umqondiso womnqophiso endiwubekayo phakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kuse kwizizukulwana zasephakadeni: umnyàma wam ndiwubeké efini, ukuba ube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nehlabathi.
比較
IGENESIS 9:12-13で検索
2
IGENESIS 9:16
Umnyàma woba semafini ke, ndiwukhàngele, ndikhumbule umnqophiso ongunaphakade phakathi koThixo nayo yonke imiphefumlo ephilileyo, enyameni yonke esehlabathini.
IGENESIS 9:16で検索
3
IGENESIS 9:6
Ophalaza igazi lomntu, igazi lakhe lophalazwa ngumntu, ngokuba umntu wênziwa ngokomfanekiselo kaThixo.
IGENESIS 9:6で検索
4
IGENESIS 9:1
UThixo wamsikelela uNowa noonyana bakhe, wathi kubo, Qhamani, nande, nizalise ihlabathi.
IGENESIS 9:1で検索
5
IGENESIS 9:3
Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukudla kuni; njengomfuno oluhlaza, ndininikile oko konke.
IGENESIS 9:3で検索
6
IGENESIS 9:2
Ukoyikeka kwenu, nokuqhiphula kwenu umbilini, makube phezu kwezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, naphezu kweentaka zonke zezulu, nakwiinto zonke ezinambuzelayo emhlabeni, nakwiintlanzi zonke zolwandle; zona zinikélwe esandleni senu.
IGENESIS 9:2で検索
7
IGENESIS 9:7
Nina ke, qhamani nande, nilizalise ihlabathi, nande kulo.
IGENESIS 9:7で検索
ホーム
聖書
読書プラン
ビデオ