1
ULUKA 15:20
IZIBHALO EZINGCWELE
Wesuka weza kuyise. Ke kaloku, akubon' ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga.
Konpare
Eksplore ULUKA 15:20
2
ULUKA 15:24
Ngokuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa. Baqala ke ukuba nemihlali.
Eksplore ULUKA 15:24
3
ULUKA 15:7
Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.
Eksplore ULUKA 15:7
4
ULUKA 15:18
Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho.
Eksplore ULUKA 15:18
5
ULUKA 15:21
Wathi ke unyana kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho; andisafanele kubizwa ngonyana wakho.
Eksplore ULUKA 15:21
6
ULUKA 15:4
Nguwuphi na umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, angazishiyi ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane?
Eksplore ULUKA 15:4
Akèy
Bib
Plan yo
Videyo