1
KAYOHANE I 3:18
IZIBHALO EZINGCWELE
Bantwanana bam, masingathandi ngazwi nangamlomo; masithande ngezenzo nangenyaniso.
Compare
Explore KAYOHANE I 3:18
2
KAYOHANE I 3:16
Ngale nto silwazile uthando, kuba yena wasincamela ubomi bakhe; nathi ke sifanele ukubancamela abazalwana ubomi bethu.
Explore KAYOHANE I 3:16
3
KAYOHANE I 3:1
Bonani uthando olungaka asenzele lona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo. Ngenxa yoko ihlabathi alisazi thina, ngokuba lingamazanga yena.
Explore KAYOHANE I 3:1
4
KAYOHANE I 3:8
Lowo usenzayo isono ungokaMtyholi; ngokuba uMtyholi woné kwasekuqalekeni. Wabonakaliselwa oku uNyana kaThixo, ukuze ayichithe imisebenzi kaMtyholi.
Explore KAYOHANE I 3:8
5
KAYOHANE I 3:9
Bonke abazelwe nguThixo abenzi sono, ngokuba imbewu yakhe ihleli kubo; kananjalo abanakona, ngokuba bezelwe nguThixo.
Explore KAYOHANE I 3:9
6
KAYOHANE I 3:17
Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe?
Explore KAYOHANE I 3:17
7
KAYOHANE I 3:24
Lowo uyigcinayo imithetho yakhe uhleli kuye, naye uhleli kulowo. Sazi ngale nto ke, ukuba uhleli kuthi ngoMoya lo wasinikayo.
Explore KAYOHANE I 3:24
8
KAYOHANE I 3:10
Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa àbangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe.
Explore KAYOHANE I 3:10
9
KAYOHANE I 3:11
Ngokuba le yintshumayelo enayivayo kwasekuqalekeni, ukuba sithandane
Explore KAYOHANE I 3:11
10
KAYOHANE I 3:13
Musani ukumangaliswa, bazalwana bam, ukuba ihlabathi linithiyile.
Explore KAYOHANE I 3:13
Home
Bible
Plans
Videos