YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 86

86
Ukuzibika
Umthandazo kaDavide.
1Khawusabele, *Ndikhoyo, undilungiselele;
kaloku mna ndiyimpula kalujaca.
2Ndikhusele kaloku, kuba ndiyakuthobela;
sihlangule isicaka esikholosa ngawe.
3UnguThixo wam, ndibabale, Nkosi.
Kaloku mna ndihlala ndikhala kuwe.
4Ewe, khawusonwabise isicaka sakho.
Nkosi, ndiwunyusela kuwe umthandazo wam.
5Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;
uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.
6Ndikhoyo, wuve umthandazo wam;
khawundivele, ndiyakubongoza.
7Ndakuba sengxakini, ndibhenela kuwe,
kuba wena uyavelana nam.
8Nkosi, kubo bonke *oothixo akakho onjengawe,
engekho nonemisebenzi enjengeyakho.
9Zonke izizwe owazidalayo
ziya kukhahlela kuwe, Nkosi,
zibonga zibabaza igama lakho.
10Kuba wena uyingangalala, uyamangalisa;
ewe, nguwe wedwa uThixo.
11Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,
khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.
Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;
ndikunqule ndingankwalambisi.
12Ndikubulela ngomxhelo wam wonke, Nkosi;
Thixo wam, ndolidumisa njalo igama lakho,
13kuba ziyandimangalisa izibele zakho;
undihlangule enzonzobileni yengcwaba.
14Awu, Thixo, zindivukele izibhoja.
Ewe, izikrelemnqa ziyandizingela;
zona azikukhathalele nganto.
15Kambe ke wena, Nkosi,
unguThixo onenceba nesisa.
Wena ucaphuka kade,
uphuphuma uthando nokunyaniseka.
16Buya uvelane nam;
khawusomeleze isicaka sakho,
umhlangule unyana wesicakazana sakho.
17Ndinike umqondiso wokundazelelela kwakho,
ukuze abandithiyileyo babone badane,
kuba wena, Ndikhoyo, undincedile wandithuthuzela.

Currently Selected:

IINDUMISO 86: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in