YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 30

30
Umthandazo wokubulela
Umhobe kaDavide; iculo lokuvulwa kwendlu *kaNdikhoyo.
1Ndokudumisa, Ndikhoyo, kuba undisindisile,
akwavuma ukuba zindivuyelel' iintshaba zam.
2Ndikhoyo, Thixo wam, ndibhenela kuwe;
kuba wena undihlangule ekufeni.
3Wandikhupha kwelabafileyo wena, Ndikhoyo;
wandikhetha kwabo behlela emhadini.
4Mbongen' uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe,
nilibonge igama lakhe elingcwele.
5Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;
ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.
Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,
kodwa kusasa kuba yimincili yodwa.
6Xa izinto zazindilungele,
ndandidla ngokuthi: “Andisoze ndoyisakale.”
7Ewe, ndandithe zinzi njengentaba
ngenxa yobubele bakho, Ndikhoyo.
Suka wena wasithela;
ndaza mna ndakhathazeka.
8Kodwa ndithembele kuwe, Ndikhoyo;
ndiyazithoba kuwe, Nkosi yam.
9Kukho nzuzoni na xa ndiye kwantshabalala?
Lunganako na ukukudumisa uthuli?
Khona lungabalisa na ngokunyaniseka kwakho?
10Ndive, Ndikhoyo, undenzele inceba;
Ndikhoyo, yiba ngumncedi wam.
11Wabuguqula baluvuyo ubunzima bam;
wandikhulul' ezokuzila, wandambathis' ezolonwabo.
12Mandikubonge ndingayeki, Thixo wam;
ewe, ndikubonge kude kube ngunaphakade, Ndikhoyo!

Currently Selected:

IINDUMISO 30: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in