YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 116

116
Osindisiweyo ekufeni ubonga uThixo
1*UNdikhoyo ndiyamthanda, kuba uyandiva;
uyasabela ndakuzibika kuye.
2Njengoko endiphulaphula nje,
ndobhenela kuye xa ndisadl' ubomi.
3Izabatha zokufa zandibhijela,
izoyikiso zelabafileyo zandikhonkxa;
latsho laxubayela ndangcungcutheka.
4Ke kaloku ndabhenela kuNdikhoyo, ndathi:
“Awu, Ndikhoyo, ndiyakubongoza, ndisindise!”
5Unesisa kambe uNdikhoyo, ulungile;
hayi ke bethu, inceba yoThixo wethu!
6UNdikhoyo uyabakhusela abaxakiweyo;
nam ndandingenamandla wandihlangula.
7Musa ukuxhalaba, mphefumlo wam,
kuba uNdikhoyo undivelele.
8UNdikhoyo undihlangule ekufeni;
yena undosule iinyembezi,
wandikhusela andakhubeka.
9Kungoko ndihamba noNdikhoyo
kweli lizwe labaphilayo.
10Ndancekelela, ndathemba,
nakuba ndandisithi sendivuthulukile.
11Ekuncameni ndakhala ndathi:
“Abathembekanga kambe abantu.”
12Yaz'ba ndingambuyisela ngantoni na uNdikhoyo
ngezibele ezingaka andenzele zona?
13Ndothatha indebe yosindiso,
ndibize igama likaNdikhoyo.
14Izithembiso zam ndozifezekisa kuNdikhoyo;
ewe, nditsho phambi kwabantu bakhe.
15Ayithandeki kambe kuNdikhoyo
into yokufa kwabantu bakhe.
16Awu, Ndikhoyo, ndisisicaka sakho;
ewe, ndingunyana wesicakazana sakho;
ndilapha nje ndakhululwa nguwe.
17Ndiya kukwenzela idini lombulelo;
ewe, ndobiza igama likaNdikhoyo.
18Izithembiso zam ndozifezekisa kuye;
ewe, nditsho phambi kwabantu bakhe,
19enkundleni yendlu kaNdikhoyo,
kanye phakathi eJerusalem.
Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

Currently Selected:

IINDUMISO 116: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in