UMARKO 4
4
Umzekeliso ngomhlwayeli
(Mat 13:1-9; Luka 8:4-8)
1Kwakhona uYesu wafundisa ngaselwandle. Saza isihlwele esasihlanganisene ngakuye saba sikhulu kangangokude yena aye kukhwela esikhitshaneni, ahlale kuso elwandle. Isihlwele sona sasiselunxwemeni apho. 2Ke wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi: 3“Kwakukho umhlwayeli owaphuma waya kuhlwayela. 4Ekuhlwayeleni kwakhe inxenye yembewu yawa endleleni, zafika iintaka zayichola zayigqiba. 5Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho kwakungekho mhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba. 6Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela. 7Enye yawa endaweni enokhula, olwathi lwakukhula, lwayiminxa, ayaba nasiqhamo. 8Enye yawa kumhlaba olungileyo, yakhula, yachuma, yavelisa isiqhamo: enye amashumi amathathu, enye amashumi amathandathu, nenye ikhulu.”
9Wathi ke kubo uYesu: “Oneendlebe zokuva makeve.”
Injongo yemizekeliso
(Mat 13:10-17; Luka 8:9-10)
10Ke kaloku kwathi xa uYesu wayenâbo babengakuye, bekunye nabafundi abalishumi elinambini, bambuza ngale mizekeliso. 11Wathi kubo: “Nikuphiwe nina okokuba niyazi indlela yokulawula kukaThixo, kodwa abo bangakuphiwanga baziva ngemizekeliso nje zonke ezi zinto; 12ukuze, njengoko zitshoyo *iziBhalo,
“ ‘Bebona nje, babone bangaqiqi;
besiva nje, beve bangaqondi;
hleze baguquke, baxolelwe.’ ”
Ingcaciso yomzekeliso ngomhlwayeli
(Mat 13:18-23; Luka 8:11-15)
13Wathi ke kubo uYesu: “Aniwulandeli na lo mzekeliso? Niya kuyazi kanjani kakade imizekeliso? 14Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi. 15Abo ke basendleleni, apho ilizwi likaThixo lihlwayelwa khona, ngâbo bathi, bakuba bevile, bafikelwe kwangoko nguSathana, emke nalo ilizwi elihlwayelweyo kubo. 16Ke abo banjengendawo elulwalwa ekuhlwayelwe kuyo ngabathi, bakuba belivile ilizwi, balamkele kwangoko bevuya; 17kodwa babe bengenazingcambu zendeleyo, beme umzuzwana kuphela; bathi emva koko, kwakufika imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yelizwi, boyisakale kwangoko. 18Abo banjengendawo enokhula ekuhlwayelwe kuyo ngabathi balive ilizwi, 19aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, nokunqwenela ezinye izinto, kungene kuliminxe ilizwi, lize lingabi nasiqhamo. 20Abo banjengomhlaba olungileyo ekuhlwayelwe kuwo ngabathi, bakuliva ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo: omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.”
Umzekeliso ngesibane
(Luka 8:16-18)
21Kwakhona uYesu wathi kubo: “Ngaba isibane sikhe siqutyudelwe ngethunga okanye sifakwe phantsi kwebhedi na? Asixhonywa endaweni yaso yini na? 22Kaloku akukho nto ifihlakeleyo ingayi kude ityhilwe; kananjalo akukho nto ifihliweyo ingayi kude ivele. 23Ke oneendlebe zokuva makeve.”
24Kwakhona wathi kubo: “Yilumkeleni into eniyivayo. Umlinganiselo enibalinganisela ngawo abanye, niya kulinganiselwa kwangawo nguThixo nani, kuze kongezwe kuni, nina nivayo. 25Lowo sukuba enolutho uya kunikwa, athi lowo ungenanto ahluthwe kwanaloo nto anayo.”
Umzekeliso ngembewu
26Kwakhona uYesu wathi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokuthi umntu ahlwayele imbewu entsimini, 27aze alale avuke imihla ngemihla, ibe yona imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo. 28Kaloku umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo: kuqala iba likhaba, ize ibe yindubulo, ize ibe sisikhwebu esivuthiweyo. 29Xa ke ithe yavuthwa ingqolowa, ingenwa ngerhenqe kwangoko, kuba ixesha lokuvuna lifikile.”
Umzekeliso ngokhozo lwembewu yemostade
(Mat 13:31-32,34; Luka 13:18-19)
30Kwakhona uYesu wathi: “Singakufanekisa nantoni na ukulawula kukaThixo? Singakuzekelisa ngamzekeliso mni? 31Kunjengokhozo lwembewu yemostade. Ukhozo lwemostade lulolona luncinane kuzo zonke iintlobo zembewu emhlabeni, 32kodwa xa luthe lwatyalwa, lukhula lube lukhulu kunazo zonke izityalo, lube namasebe amakhulu kangangokuba iintaka zibe nokwakhela iindlwane zazo kuwo zisemthunzini.”
33UYesu wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi elolu hlobo, ebafundisa kangangoko babenako ukuqonda. 34Ebethetha nabo ngemizekeliso kuphela, kodwa akuba yedwa nabafundi bakhe wayebacacisela yonke into.
UYesu uzolisa isaqhwithi
(Mat 8:23-27; Luka 8:22-25)
35Kwangaloo mini ngokuhlwa uYesu wathi kubafundi bakhe: “Masiwele siye ngaphesheya koLwandle lwaseGalili.” 36Basishiya ke isihlwele, bemka noYesu esesikhitshaneni apho, kukho nezinye izikhitshana. 37Ke kwabakho isaqhwithi esikhulu, amaza aphoseka esikhitshaneni, saza isikhitshana saphantse sazala ngamanzi. 38UYesu wayephakathi esikhitshaneni, ethathe umqamelo walala ubuthongo. Bamvusa ke, bathi kuye: “Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?”
39Wavuka ke, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle: “Yithi cwaka, uzole.” Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. 40UYesu ke wathi kubo: “Yini na ukuba noyike kangaka? Kutheni ukuba ningakholwa?”
41Babesoyika kakhulu, omnye esithi komnye: “He bethu, ngumntu onjani na lo ude alulanyelwe ngumoya nalulwandle!”
Currently Selected:
UMARKO 4: XHO96
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.