Ke uYobi wayenezihlobo ezithathu ezathi zeva ngayo yonke le nkxwaleko emhleleyo. Yaseso isihlobo ke seza sivela kowaso umzi, inguElifazi waseTeman, uBhildadi waseShuwa, noZofare waseNama. Zazivumelene ngento yokuba ziye kumkhuza uYobi, zimthuthuzele. Ke kaloku zathi zisemgama zambona uYobi, phofu ke azamazi. Kambe ke zathi zakumqonda zangqukruleka zalila, zakrazula iminweba yazo, zizigalela ngothuli entloko, ziphosa uthuli emoyeni. Ke kaloku zahlala naye apho phantsi iintsuku ezisixhenxe nobusuku bazo kungekho nasinye sithetha naye, kuba zazibona ukuba umva-ndedwa wakhe mkhulu gqitha.
Read UYOBI 2
Share
Compare All Versions: UYOBI 2:11-13
Save verses, read offline, watch teaching clips, and more!
YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy
Home
Bible
Plans
Videos