YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 6

6
Ubutshijolo babantu
1Lwakuba lwandile uluntu, luthe saa elizweni, kuzelwe namantombazana, 2oonyana bakaThixo baphandlwa bubuhle beentombi zabantu, bazikhethela abafazi kuzo ngokuzithandela. 3Ngoko ke *uNdikhoyo wathi: “Andisayi kubayeka babe zizimakade abantu. Kaloku bangabantu abafayo. Ukususela ngoku abayi kuhlala ngaphezu kwekhulu elinamashumi amabini eminyaka.” 4Ngezo mini, ukanti nangasemva koko, kwakukho iingxilimbela zabafo elizweni ababezalwa ziintombi zabantu noonyana bakaThixo. Yayingamakroti neendwalutho zamandulo ezo.
5Uthe ke uNdikhoyo akukuphawula ukuba ngamatshijolo kwabantu elizweni, nokuthi rhoqo kwabo ukuyila ububi, 6weva into embi ngenxa yokuba wabadala wababeka elizweni. 7Wathi: “Ndiza kubacima kuphele, bangabikho konke emhlabeni abantu endibadalileyo. Nditsho nkqu neenyamakazi, neentaka, kuba ndiyazisola ngento endabadalela yona.” 8Kodwa uNowa wamkeleka kuNdikhoyo.
UNowa
9Nanga amagqabantshintshi ngoNowa. Lo Nowa wayelilunga lomfo. Kwakungekho siphene kuye phakathi kwabantu bemihla yakhe. Wayehlala enobudlelane noThixo. 10UNowa wayenoonyana abathathu: uShem, noHam, noYafete.
11Lonke uluntu lwalonakele phambi koThixo. Abantu babeziindlobongela zezijama-nkungwini ezigqibe lonke ilizwe. 12Walibona lonakele ilizwe uThixo, kuba abantu babeziphethe kakubi.
13Wathi ke uThixo kuNowa: “Ndifikelele ekubeni ndilubhangise lonke uluntu. Ndiza kulutshabalalisa luphele tu, kuba ilizwe lizele zizenzo zobundlobongela. 14Wena zenzele inqanawa ngamaplanga, ibe namagumbi, uyiqabe itha ngaphandle nangaphakathi. 15Uzuyenze ibe likhulu leemitha namashumi mathathu anantathu ubude, ibe ngamashumi mabini anambini eemitha ububanzi, zibe lishumi elinesithathu iimitha ukuphakama. 16Uzuyifake uphahla inqanawa, ushiye isithuba esingamashumi amane anane eesentimitha sibe phakathi kophahla namacala eendonga zenqanawa. Yenze ibe nemigangatho emithathu, ibe nomnyango ecaleni. 17Ndiza kuthumela izantyala-ntyala zemvula elizweni, zibhubhise yonke into ephilayo. Kuza kufa yonke into, 18kodwa wena ndiza kukwenzela umnqophiso. Ngena enqanaweni nomkakho kunye noonyana bakho nabafazi babo, 19-20ungenise enqanaweni inkunzi nemazi kwiindidi zonke zezilwanyana neentaka, zona eziya kuza kuwe ukuze zisinde. 21Uze uphathe iindidi zonke zokutya kwabantu nezilo.” 22Wayenza yonke loo nto wayixelelwa nguThixo uNowa.

Currently Selected:

EYEZIQALO 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy