YouVersion Logo
Search Icon

UMSEBENZI WABATHUNYWA 2

2
Ukufika kukaMoya oyiNgcwele
1Ekufikeni komhla *wePentekoste babehlangene ndawonye bonke. 2Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso. 3Kwabonakala amadangatye angathi ziilwimi, laza lalelo idangatye lahlala kumntu ngamnye kubo. 4Bazaliswa ke bonke nguMoya oyiNgcwele, baza bathetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wabaphayo.
5EJerusalem apho kwakukho amaJuda, abantu ababenenzondelelo ngezinto zikaThixo, bevela kuzo zonke izizwe zehlabathi. 6Bakukuva oko kwakusenzeka, kwahlanganisana indimbane yabantu, bonke bemangalisiwe kukuva abalandeli bakaYesu bethetha iilwimi zabo. 7Bethe khumnqa, bathi: “Okunene aba bantu ngamaGalili bonke! 8Ke, kutheni le nto sonke ngabanye sibeva bethetha nathi ngolwimi lweenkobe? 9Thina singamaParti, namaMedi, namaElam, nabaseMesopotami, nabakwaJuda, nabaseKapadoki; singabasePonto naseAsiya, 10eFrigi nasePamfili, naseJiputa nabemimandla yaseLibhiya engaseKirene, nabahambi abavela eRoma. 11SingamaJuda nabangeni buJudeni, amaKrete nama-Arabhu. Siyabeva beyithetha ngeelwimi zethu imisebenzi yamandla kaThixo.” 12Bethe nqa ke bexakiwe, babuzana bathi: “Awu! Ngaba ithetha ntoni le nto?”
13Abanye baphoxisa ngabo, bathi: “À, suka! Banxilile!”
Intetho kaPetros ngomhla wePentekoste
14Waphakama uPetros, wabhekisa ebantwini, ethetha egameni labafundi abalishumi elinambini, wathi: “Mawethu, maJuda, nani nonke bemi baseJerusalem, phulaphulani nibeke iindlebe, nantsi indawo emaniyiqonde: 15La madoda akanxilanga njengoko niba kunjalo nina, kuba kusekusasa ngentlazane, 16koko le nto yenzekayo yileya yaxelwa *ngumshumayeli uJoweli esithi:
17“ ‘Yiyo le into endiya kuyenza ngemihla yokugqibela;’ utsho uThixo:
‘Ndiya kugalela uMoya wam kulo lonke uluntu,
oonyana neentombi zenu zishumayele,
abafana babone imibono,
amaxhego aphuphe amaphupha.
18Ewe, nezicaka nezicakazana zam
ndiya kuzigalela ngoMoya wam ngaloo mihla,
zize zishumayele.
19Ndiya kwenza imiqondiso esibhakabhakeni phezulu,
nezimanga emhlabeni phantsi.
Kuya kubakho igazi nomlilo nentshinyela yomsi.
20Ilanga liya kujika libe bubumnyama,
inyanga ibe bomvu njengegazi,
phambi kokufika kwaloo mhla mkhulu udumileyo weNkosi.
21Kananjalo nabani na othe wabiza igama leNkosi uya kusindiswa.’
22“MaSirayeli, phulaphulani la mazwi: UYesu waseNazarete yindoda eyâlathwa nguThixo, yaza yabonakaliswa ngemisebenzi yamandla nemimangaliso nangemiqondiso awayenzayo uThixo ngayo. Nani ngokwenu niyayazi loo nto, kuba yenzeka phakathi kwenu apha. 23Lo Yesu ke, wanikelwa kuni ngokuthanda nangokwazi kukaThixo, nambulala ngokumnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni ngabantu abangawukhathalelanga umthetho wethu. 24UThixo ke yena wamvusa, wamkhulula kwiintlungu zokufa, kuba ukufa kwakungenawo amandla okumbophelela. 25Kaloku uDavide uthi ngaye:
“ ‘Ndasoloko ndiyibona iNkosi iphambi kwam ngamaxesha onke.
Yintonga yam yasekhosi iNkosi, ngoko andiyi kuchukunyiswa nto.
26Kungoko yagcobayo intliziyo yam, ndathetha ndinemivuyo.
Ngaphezu koko ndiya kuhlala ndinethemba lokuba andiyi kufa,
27kuba akuyi kuwuyeka kwelabafileyo umphefumlo wam,
ungayi kusiyeka sibole isicaka sakho esikholekileyo.
28Undazisile iindlela zobomi;
ndaye ndiya kuzala luvuyo ngenxa yobukho bakho.’
29“Mawethu, mandithethe ngokucacileyo kuni ngokhokho wethu uDavide. Yena wafa, waza wangcwatywa; yaye nengcwaba lakhe lilapha unanamhlanje. 30Njengokuba *wayengumshumayeli, wayesazi isithembiso sokuba uThixo wafunga ukuba omnye kubazukulwana bakhe uya kuba ngukumkani njengaye. 31Walubona ke kwangaphambili uvuko lukaKrestu, wathetha ngalo, exela ukuba akayi kuyekwa kwelabafileyo, futhi engayi kubola. 32UThixo ke wamvusa ekufeni lo Yesu; saye ke thina sonke singamangqina aloo nto. 33Njengoko anyuselwe ewongeni kuThixo, wamkele uMoya oyiNgcwele, lowo wathenjiswayo nguYise. Le nto ke niyibonayo niyivayo ngoku kukugalelwa kwaloo Moya kuthi. 34Kaloku uDavide akanyukelanga ezulwini yena ngokwakhe, koko uthi:
“ ‘INkosi yathi eNkosini yam:
Hlala ngakum kweli wonga
35lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’
36“Ngenxa yoko qinisekani, mzi kaSirayeli, ukuba lo Yesu enambethelela emnqamlezweni, uThixo ummisele wayiNkosi *ekwanguKrestu.”
37Yabahlabanisela kakhulu intetho kaPetros abantu, bakuba beyivile; baza bathi kuPetros *nabathunywa ababenaye: “Kufuneka senze ntoni, mawethu?”
38Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele. 39Kuba isithembiso esenziwa nguThixo senzelwa nina nabantwana benu, kwanâbo bakude, bebonke abo iNkosi uThixo wethu ibabizayo.”
40Wathetha wophela ke uPetros ebaluleka esithi: “Zahlukaniseni naba bantu bakhohlakeleyo, khon' ukuze ningehlelwa sisohlwayo sabo.” 41Abantu abaninzi balwamkela olu daba, baza babhaptizwa. Baba ngamawaka amathathu abantu abongezelelwayo enanini labo. 42Babehlangana rhoqo, bedlelana ngokuphulaphula iimfundiso zabathunywa, nangokuqhekeza isonka, nangokuthandaza.
Intlalo yamakholwa okuqala
43Imiqondiso nemimangaliso emininzi awayenza *ngabathunywa uThixo yatsho yabakhohla abantu. 44Bonke abakholwayo bahlala bebambene, bedlelana ngezinto abanazo omnye nomnye.
45Babethengisa ngempahla yabo, babelane ngemali leyo ngokweentswelo zomntu ngamnye. 46Imihla ngemihla babehlangana rhoqo *endlwini kaThixo, babuye batye kunye emakhaya bechwayitile bebelezelana, 47bembonga uThixo, bamkelekile kubantu bonke. Mihla le uThixo wayelongeza inani labo ngabo basindiswayo.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in