YouVersion Logo
Search Icon

2 KUTIMOTI 3:1-5

2 KUTIMOTI 3:1-5 XHO96

Kucace mhlophe ukuba imihla yokugqibela iya kuba ngamaxesha anzima. Abantu baya kuba ngabathandi beziqu zabo, bathande imali, bezigwagwisa, bengoozwi-labo. Baya kunyelisa, bangathobeli bazali, bengabuleli, beluchasa unqulo, bengenabuntu, bengaxoleli mntu, behleba. Baya kuba nengcwangu, beziindlobongela, bayithiye into elungileyo. Baya kuba ngabangcatshi, bafane benze, benekratshi. Baya kuthanda iziyolo kunoThixo. Baya kulwamkela unqulo ngembonakalo, kodwa bewaphika amandla alo. Ke wena uze ungahambi nabantu abanjalo.