YouVersion Logo
Search Icon

2 KWABASETESALONIKA 2

2
Okhohlakeleyo
1Mayela nokubuya kweNkosi yethu uYesu Krestu, nokuhlangana kwethu nayo: ndiyanibongoza, 2musani ukuthatheka msinya, okanye nidideke lula ngamarhe athi iMini yeNkosi isemnyango; noba kukho mntu uthi uyixelelwe ezulwini loo nto, okanye uyixelelwe ngomnye umntu, kanti noba ningade nifumane ileta engathi ivela kum isitsho, lumkani. 3Sanukuvuma nilahlekiswe mntu. Kaloku loo Mini ayinako ukufika lungakhange lubekho uvukelo-mbuso lokugqibela, andule ke ukucaca umchasi-mthetho, umfo okhohlakeleyo ochasana noThixo, omiselwe intshabalalo, avele elubala. 4Ulolona tshaba kaloku. Yena uya kuziphakamisa achase nantoni na ekuthiwa nguthixo, achase nantoni na enqulwa ngabantu, ade athathe isihlalo endlwini kaThixo, ezigwagwisa ngokuthi unguThixo ngenkqu.
5Ngaba senilibele? Kaloku ndandinixelele yonke le nto ngokuya ndandilapho. 6Ngokunjalo nani niyayiqonda into embambileyo ukuba angaveli phambi kwexesha elimisiweyo. 7Kuba selekho kambe amandla enkohlakalo asebenza ngokufihlakeleyo. Ewe, asebenza ngokufihlakeleyo okwangoku, elinde ukuba ade emke lowo umbambezeleyo. 8Uya kuthi ke akuvela loo mchasi-mthetho, iNkosi uYesu imbulale ngelizwi layo nje kuphela, imtshabalalise ngobumenyemenye bobungangamsha bokufika kwayo. 9Ukufika kwalo mchasi-mthetho ngumsebenzi kaSathana; yaye uya kuphelekwa yimisebenzi yamandla nemiqondiso nemimangaliso yenkohliso, 10kubekho zonke iintlobo zolahlekiso ezinokwenziwa bububi kwabo baya kwantshabalalo. Ewe, baya kutshabalala, kuba kaloku bona abalwamkelanga uthando lukaKrestu nenyaniso yakhe, ukuze basindiswe. 11Ngoko ke uThixo ubayekele ngolahlekiso olusebenza kubo, ukuze bamkele ubuxoki. 12Ngenxa yale nto ke bonke abangayamkelanga inyaniso, abasuke bavuyela ukuxhamla isono, baya kugwetywa.
Ninyulelwe usindiso
13Sifanele ukuba simbulele uThixo singaphezi ngenxa yenu, mawethu athandiweyo yiNkosi. Kuba kaloku uThixo waninyula kwasekuqaleni ukuze nisindiswe ngokwenziwa nyulu nguMoya wakhe, nangokukholwa kuyo inyaniso. 14UThixo wanibiza ngeendaba ezimnandi esazishumayelayo kuni; wanibiza ukuze nifumane isabelo kubuqaqawuli beNkosi yethu uYesu Krestu. 15Ngoko ke, mawethu, yimani ningahexi kwizithethe esanifundisa zona ngomlomo nangeeleta.
16Yanga iNkosi yethu uYesu Krestu ngenkqu noThixo uBawo wethu, owasithandayo, ngesisa sakhe wasinika ukukhuthala nethemba eliyokozelayo, 17wanga angaziphuphumisa iintliziyo zenu ngenkuthalo, anomeleze ukuze nenze, nithethe, izinto ezilungileyo.

Currently Selected:

2 KWABASETESALONIKA 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in