YouVersion Logo
Search Icon

1 KAPETROS 5

5
Umhlambi kaThixo
1Ke kaloku ndibhenela kumadoda amakhulu alapho phakathi kwenu. Nam kaloku ndikwayindoda enkulu; futhi ndikwalingqina ngeembandezelo zikaKrestu. Kambe ke ndinaso nesabelo kubuqaqawuli obuza kuvela. 2Waluseni umhlambi kaThixo eniphakathi kwawo. Lo msebenzi ke sanukuwenza kuba ninyanzelekile, koko wenzeni nizimisele, njengoko noThixo ethanda njalo. Sanukusebenza kuba nincwase inzuzo, koko sebenzani ngokuzinikela. 3Sanukulawula ngegqudu, koko yibani ngumzekelo kuwo umhlambi. 4Uya kuthi ke akufika uMalusi omkhulu, nizuze isithsaba esinesidima, esingasoze sitshitshe.
5Kwangaloo ndlela ke nani, bafana, walulameleni amadoda amakhulu. Xa ninonke ke ngoko yithani wambu ukuthobelana. Kaloku uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa unesisa kwabathobekileyo. 6Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo. 7Ziphoseni kuye zonke iingxaki zenu; kaloku nguye onalusayo.
8Hlalani nithe qwa, nilumke! Kaloku ummangaleli wenu umtyholi ugquma njengengonyama. Uyajikeleza; uzingela umntu angamqwengayo. 9Yimani ningahexi elukholweni, nimchase. Khumbulani ukuba namanye amakholwa athubeleza kwiimbandezelo ezikwanjalo apha emhlabeni. 10Kodwa ke, emva kwezo mbandezelo zomzuzwana, uThixo umthombo wesisa owanibizayo ngokumanywa kwenu noKrestu, khon' ukuze nibe nenxaxheba kubuqaqawuli bakhe obungapheliyo, uya kunihlaziya anomeleze, anixhobise, nime ngxishi. 11Kaloku akuye amandla ngoku nangonaphakade. *Amen.
Isiphetho
12Ngoncedo lukaSilas, ikholwa elithembekileyo njengoko ndiqonda, ndinibhalele le ncwadana ndinikhuthaza. Ngokunjalo ndiyangqina ukuba esi sisisa sikaThixo ngenene. Ngoko ke yimani kuso ningahexi.
13Liyabulisa ibandla eliseBhabheli, nalo linyuliwe nguThixo njengani. Uyanibulisa nonyana wam uMarko. 14Bulisanani niqhutywa luthando. Makube luxolo kuni nonke nina bakaKrestu!

Currently Selected:

1 KAPETROS 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy